Uzakunika ubungqina phambi kweKomiti yePalamente uSenzo Mchunu namhlanje (16/10)

By Esona Magawana

UMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisewo ngobungqina uSenzo Mchunu kulindeleke ukuba abelane ngobungqina bakhe namhlanje phambi kweKomiti yethutyana yePalamente ephanda izityholo zongenelelo kulawulo lwesiPolisa i(Ad Hoc committee).

UMchunu kulindeleke aqalise ukunika ubungqina bakhe ngale ntsasa yanamhlanje umhla weshumi elinesthandathu (16) KweyeDwarha 2025.

Usihlalo wekomiti, uSoviet Lekganyane, ukuqinisekisile oku wathi, “Siza kuba naye ngomhla wamashumi anesithandathu (16) KweyeDwarha,kwaye uya kugqiba ubungqina bakhe ngoLwesihlanu umhla wamashumi anesixhenxe (17). Emva koko uya kubuya kwiveki ezayo ngoLwesibini ukuzophendula imibuzo evela kumalungu.”

ULekganyane wongeze ngelithi owayesakuba nguMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele uza kuba lingqina elilandelayo eliza kuvela phambi kwalekomiti.

Ngokobungqina bomkomishinala wamapolisa KwaZulu-Natal, uNhlanhla Mkhwanazi, uMchunu kutyholwa ukuba wayalela ukuba kuchithwe iqela elijongene nokubulawa kwabezopolitiko(PKTT).

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA