18.3 C
King William's Town
Saturday, October 11, 2025

Uzakuvela enkundleni namhlanje Umtyholwa weshumi kwityala lokubulala eFort Hare

Umtyholwa weshumi kwityala lokubulala kwiYunivesithi yaseFort Hare uzakuvela kwinkundla kamantyi yaseAlice eMpuma Koloni namhlanje. Umanejala ophezulu wale yunivesithi uvele enkundleni ngokufutshane izolo.

Ujongene nezityholo zokubulala nokuzama ukubulala. Umtyholwa uza kuvela kunye nabanye abatyholwa abalithoba kulo mba.

Aba bantu batyholwa ngokubandakanyeka kwabo ekubulaweni kukaManejala yaseFort Hare, uPetrus Roets, kunye nonogada weSekela Ngqonyela uMboneli Vesele.

UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uFannie Masemola kunye noSekela Mphathiswa wamaPolisa uCassel Mathale kulindeleke ukuba bazimase iindibano zenkundla.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uNomthetheleli Mene uthi, “Yasothusa kakhulu kuba umrhanelwa saziwa kuthi njengegosa lale yunivesithi. Lilonke ke kukuqhubekeka kophando okusifikise kwelo nqanaba, ngoko ke sivumela ithuba lokuba abaphandi bafumane ubunyani betyala, ngoko ke, siyakwamkela oko basizisa kona okwangoku.”

Ngenyanga kaTshazimpuzi, umphathiswa wamaPolisa uBheki Cele uncome umsebenzi wamapolisa kumatyala okubulala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
18.3 ° C
18.3 °
18.3 °
91 %
3kmh
99 %
Sat
18 °
Sun
18 °
Mon
30 °
Tue
23 °
Wed
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks