Abasetyhini abatyelele kwintolongo iSt Albans eMpuma Koloni batyhola ngelokuba bakhangelwa izinto ezithengiswayo ngendlela inkosikazi yaseGqeberha eyichaze njengefana “nesenzo sokuxhaphaza ngokwesondo”.
Iingxelo zithi Abasemagunyeni kwintolongo yase-St Albans bayalele abatyeleli abangabasetyhini ukuba bagqogqwelwe kwilungu langasese ngaphambi kokuba batyelelwe ngenxa yeengxelo zakutsha nje zokuba ukusetyenzisweni kweziyobisi kulentolingo kwenyukile yaye kutyholwa ngokungeniswa ngabatyeleli abangabasetyhini kwiindawo zabo zangasese.
UNicole Blignault waseGqeberha uthethe kumakhasi onxibelelwano esithi ucingela ukungandwendweli utata wakhe, owagwetyelwa ukuzingela ngokungekho mthethweni iperlemoen Morné Blignault.
Uthe sele eqhele ukugqogqwa gadalala ngoonogada basentolongweni xa engena kwiziko loluleko kule minyaka idlulileyo, kodwa eli nyathelo litsha belingaphaya kokuthotywa isidima kwaye lihlazekile.
UBlignault uthe khange andwendwele utata wakhe iiveki ezimbini kuba esoyika ukuohathwa.
“Andimboni utata kuba andifuni kukhulula ibhulukhwe yam ne “underwear” ndimane ndigqushalaza ukuze bajonge kumalungu am angasese!” utshilo. Uthe okubona oku njengenyathelo elithoba isidima samanina.
UBlignault uthe uzakuwuthatha umlo awuse kwiKomishoni yamaLungelo oLuntu ukuba kunyanzelekile.
Iindwendwe zentolongo ziphantsi kokukhangela umzimba xa zifika; zisetshwa kwakhona xa zingena kwindawo yokulinda kwaye kwakhona xa ziphuma kwindawo yokulinda.
Isithethi seenkonzo zoluleko uNobuntu Gantana ungqinile ukuba eli ziko liqalise iinkqubo zokukhangela ezingqongqo emva kotshintshiselwano olungekho mthethweni phakathi kwabatyeleli namabanjwa.
“Lo mmandla wolawulo ube neziganeko zokhuseleko ezingamashumi amabini anesithathu apho abatyeleli, uninzi lwabo bangabasetyhini, bafunyenwe benezinto ezingekho mthethweni ezifakwe kwiikhondom zaza zafakwa kumalungu azo angasese ukuze zibukeke njengemveliso yococeko,” utshilo uGantana.
“Ugqogqo akufunekanga luqhutywe ngendlela ephazamisa imfihlo kwaye ethoba isidima somntu osetshwayo.
“Igosa loluleko lelo lesini esifanayo nesomntu osetshwayo maliqhube ugqogqo, kwaye ugqogqo kufuneka lwenziwe bucala,” utshilo.
Nangona kunjalo, uGantana uthe imigaqo yesebe iyakuvumela ukuba kuqaliswe amanyathelo ongezelelweyo okuthintela ukuthutyeleziswa kweziyobisi ezingekho mthethweni ezintolongweni ngokwenkqubo evunyiweyo yemigangatho yokhuseleko yesebe.