27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

Yibranti ebitheni leyo, ide idlwengulise ibulalise umtu?

Ukrwitshwe wabulawa ze kwadlwengulwa umlingane wakhe uCeba waseDutywa.

Uluntu lwaseDutywa lusothukile lubambe ongezantsi emva kwesithonga esibi sokukrwitshwa kubulawe uCeba wakwa ward 2 eDutywa ngenj’ixukuxa yanamhlanje. Esisehlo senzeke ngentseni yanamhlanje ngethuba iceba wakwa ward 2 kwilali yaseNgxakaxa ebehamba nesinqandamathe sakhe esuka kwindawo yolonwabo yaselalini. Kuvakala ukuba bebethe chuu begoduka ngethuba bedibana nabafana ababini, ababaziyo kwaye benako ukuzalana. Ngaphandle kwengxabano, ababafana bandile ngokuleqa umqala kaCeba bemkrwitsha ngelinyanzelisa ukuba abathengele ibotile yebranti.

Umlingane kaCeba uye ke wabacemga ukuba bamyeke bangade bamkritshe ibhranti bazakuyithenga kodwa abafana bala. Bandule ukumkrwitsha kwaye betshintshana ngaye logama omnye ebambe usisi ukuba angabaleki.

Esisibini sithe sakugqiba ngoCeba, sandula ukurhuqa usisi besingise kwibala lebhola nelaziwayo elalini apho bamdlwengule khona. Ngethamsanqa abambulelanga ntoleyo encedileyo ukuze kubanjwe ezizikrelemqa.

Sithetha nje abafana bobanini babanjiwe belinde ukuvela kwinkundla kaMantyi eDutywa kungekudala logama namapolisa esaphanda.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks