17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

KUBANJWE ABARHANELWA ABABINI NGEZITYHOLO ZOKUBULALA INTWAZANA

UKhomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uncome ukubanjwa ngokukhawuleza kwabarhanelwa ababini ekutyholwa ukuba babandakanyeka ekufeni kwabantu ababini kunye nokonzakala komnye eBethelsdorp ngomhla wamashumi ababini anesibini kweyeSilimela ku2023.

Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesithandathu ngokuhlwa ngalo mhla ukhankanywe ngasentla, uKurtley Rossouw (14) noJustin Malgas(25) badutyulwe babhubha kuLawrence Erasmus Drive eBloemendal ngelixa omnye oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu(26) ubudala wonzakala.

Kutyholwa ukuba amadoda amathathu ebehamba kuLawrence Erasmus Drive ngethuba kudutyulwa kubo kwimoto yakwaSilver Renault. UMalgas wabhubhela kwindawo yesiganeko ngelixa elinye ixhoba lasiwa esibhedlele kwaye ixhoba lesithathu labaleka Intombazana ekwishumi elivisayo, uKurtley Rossouw owayengaphandle kweyadi yakhe, wabethwa ngokufa yimbumbulu elahlekileyo.

Esi sehlo sinxulumene nemigewu kwaye iProvincial Organised Crime Investigation (Gang Investigation) iphanda amatyala amabini okubulala kunye nelinye lokuzama ukubulala.

NgoLwesibini umhla wamashumi amabini anesixhenxe ipolisa eliphandayo labamba indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) ubudala endlwini yayo e-Ambraal Street eGelvandale. Umrhanelwa wesibini, oneminyaka engamashumi amabini ananye ubudala (21) ubanjwe kwinkundla yomthetho omtsha eGqeberha ngethuba ebesiya enkundleni ngomnye umcimbi.

UCheslyn Philander kunye noZane Geyers bavele enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyeSilimela ngamatyala amabini okubulala nelinye lokuzama ukubulala. Bazakuvela kwakhona enkundleni ngomhla wesithandathu kweyeKhala ngesicelo sebheyile esisesikweni.

U-Lt General Mene uncome igosa eliphandayo ngokubanjwa okukhawulezileyo kwaye wachaza ukuba baza kusebenzisana negunya lezotshutshiso ukuqinisekisa ukuba aba barhanelwa abayifumani ibheyile. Ugonyamelo lwemigulukudu lunemiphumo emibi kubemi abamsulwa ababanjwe kwiimfazwe zemigulukudu. Sikhuthaza abemi ukuba bathabathe inyathelo baze bachaze izaphuli-mthetho ngokuzithandela okanye ngokungaziwa kumapolisa.’

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks