Yohlwaya iANC ngokuvotela iRISE Mzansi entsha: utshilo umbutho i-Rise Mzansi.

Iqela lezopolitiko elisandula ukusekwa iRISE Mzansi ithi kule minyaka ilishumi elinesihlanu (15) idlulileyo, imibutho yezopolitiko, ingakumbi i-ANC iye yathobela abemi boMzantsi Afrika kolona hlobo lubi lolawulo-gwenxa, oluphawulwe lurhwaphilizo,
ukuzigwagwisa nokungakhathalelwa ngokupheleleyo kwabantu baseMzantsi Afrika neendawo abahlala kuzo.

Kwingxelo yabo abayikhuphe ngoMvulo umhla weshumi elinesithathu (13) iRISE Mzansi ithi ngelixa abanye bebekholelwa ukuba uMongameli Cyril Ramaphosa uzakuba ngumesiya kulandela abasithoba
iminyaka echithwe phantsi kukaMongameli uJacob Zuma, uMzantsi Afrika uye usiba mandundu
phantsi komongameli uRamaphosa.

Lombutho ubalule ulwaphulo-mthetho olunyukileyo, abantu abaninzi abakhuselekanga, kwaye uthi
uluntu – ezidolophini nasezilalini – alunamanzi nombane.

IRise Mzansi ithi ngomhla wamashumi amabini anethoba (29) kuCanzibe 2024, abemi boMzantsi Afrika banokukhetha phakathi kokuqhubeka kwendlala, inqanaba lentlekele ukungabikho kwemisebenzi, iimpompo ezomileyo kunye nelindle elityhutyha ezitratweni, nokubulawa kwabantu kabuhlungu, okanye abemi boMzantsi Afrika banokuvotela i-RISE Mzansi, enezicwangciso zokhuseleko lokutya; imisebenzi kunye noqoqosho, kubandakanywa abo bangaphezu kweminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala kunye noomama abangenamaqabane; ukugcina abantu bekhuselekile ngokunciphisa ngesiqingatha izinga lokubulala; kunye nokuqinisekisa ukuba kukho ukufikelela kumanzi acocekileyo, ahamba ngemibhobho kunye neenkonzo zococeko ezisemgangathweni.

IRise Mzansi ithi olu loNyulo lweSizwe nolwePhondo, luthatha iintsuku ezilishumi elinesithandathu (16) kuphela, alikho
ithuba lesibini okanye elinye lokugqibela kwiANC.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
75 %
2.2kmh
44 %
Fri
34 °
Sat
25 °
Sun
24 °
Mon
28 °
Tue
22 °

EZITHANDWAYO INDABA