21.2 C
King William's Town
Wednesday, May 22, 2024

Zibaliwe iintsuku zabangxungxi abangekho mthethweni eSouthernwood eMonti

Umasipala ombaxa waseBuffalo City namhlanje ufike engabhungisanga kwizakhiwo ezingasasetyenziswayo ezidala ingxaki kwingingqi yaseSouthernwood eMonti.

LoMasipala umbaxa uphawule izikhalazo ezininzi malunga nezakhiwo ezidilikayo kunye nezakheko ezingunobangela woqhushululu kwingingqi yasekuhlaleni uWadi 3, ingakumbi eSouthernwood. Le ngxaki ayiphelelanga nje e-Southernwood kodwa nakwiindawo ezininzi zokuhlala apho izakhiwo zilahliwe kwaye zigcwaliswe ngokungekho-mthethweni ngabemi bamazwe angaphandle, abahlali kunye noonqevu.

Ngokunjalo, uMasipala oMbaxa ugqibe ekubeni athathe amanyathelo ngalo mba ngokubiza  abathathi nxaxheba abaninzi nabachaphazelekayo ukuze bacinezele kuphele ngalemeko. Iqela labathathi-nxaxheba abaninzi namhlanje belibandakanya iiNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika kunye namasebe eBCM afana neeNkonzo zezeMpilo zikaMasipala, uLawulo lweZakhiwo, uCwangciso noPhuhliso lweSithuba, uLawulo lweNkunkuma eSolid, uLawulo lweNtlekele, uNyanzeliso loMthetho, iiNkonzo zeZithuthi. IiNkonzo zoNxibelelwano kunye nezoMthetho.

Inyathelo lokuqala ibe yinkqubo yokuchonga ezizakhiwo nebibandakanye uceba wewadi yengingqi uLorna Hani kunye kuphononongwa nemithi efuna ukuchetywa, iimingxunya kunye nezakhiwo ezimoshakeleyo.

Ingxelo: Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
44 %
3.2kmh
13 %
Wed
26 °
Thu
22 °
Fri
16 °
Sat
22 °
Sun
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks