Kubhubhe abantu abane(4) kwingozi emasikizi eTinarha.

Phezolo umhla we(30/07/2022) malunga nontsimbi yeshumi elinesibini(23:50) ezinzulwini zobusuku, abantu abane(4) babhubhe kwingozi emasikizi kwiikona yendlela uR75 (Uitenhage Road) kunye neJohnson Road.

Ngokwengxelo yeNkonzo yesiPolisa, kutyholwa ukuba isithuthi sohlobo lee(iNissan Almera) nenabakhweli abane(4) ibiqhuba isuka kwindlela uR75 ze yajika kwindawo enqumlayo ukuya eJohnson road.

Ngelishwa esisithuthi siye sangqubena ngqo nelori yohlobo lweFAW ebihamba kuR75 kwelinye icala.

Bonke abakhweli abane(4) abaquka amadoda amabini kunye nabasetyhini ababini) be-Almera babhubhe kwindawo yexhwayelo.

Umqhubi weloli ubalekile eshoya obobutyadidi kwindawo yengozi kwaye amapolisa ayamkhangela.

 Ityala lokubulala ngokungeyomfuneko livuliwe kwaye liphandwa nguKwazakele SAPS. Nabani na onokunceda amapolisa kolu phando angatsalela uKapteni Van Der Berg kule nombolo 082 394 5957 okanye atsalele umnxeba kule nombolo 08600 10111

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA