Zife namthanyana iiBulls emva kokuxuthwa kwentlaka emlonyeni ziWarriors.

Iqela loMzantsi Afrika lombhoxo libhidwe yinj’ ungavuthwa phezolo.

IGlasgow Warriors iyibethele kowayo iBulls phezolo kumagqibela kankqoyi weNdebe iUnited Rugby Championship, eLoftus ePitoli. IGlasgow iqeqeshwa ngumfana woMzantsi Afrika uFranco Smith, nangona iBulls bezikhokela kwisiqingatha sokuqala somdlalo ngamanqaku alishumi elinesithathu kwasixhenxe (13-7) kodwa abalazanga elidlalayo.

Iqela loMzantsi lombhoxo iBulls zife namthanyana ngethuba zixuthelwa intlaka seyisemlonyeni zibethwa ngamashumi amabini ananye kwishumi elinesithandathu (21-16) amanqaku bebethwa yiGlasgow Warriors. Ngelinye ixesha kwesiya sokuqala isiqingatha amakhwenkwe woMzantsi ebehamba phambili ngeshumi elinesithathu lamanqaku kwiqanda (13-0).

NguMarco van Starden olale emgceni kwiiBulls, yangu Johane Goosen oqabilise iipenalti ezintathu (3) neConversions zikaStarden kwiqela leeBulls.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA