22.9 C
King William's Town
Tuesday, November 28, 2023

Zinto zolala ebezinxibile ezinokuncedisa kufunyanwe usapho lomzimba wowasetyhini ofunyenwe ebhubhile.

Abecuphi benkonzo yesipolisa eBethesldorp afuna uncedo olungxamisekileyo kuluntu, ekufumaneni umkhondo wezihlobo nezalamane zowasetyhini ongaziwayo nofunyenwe ebulewe ngalentsasa yangomhla we(2/11/22)

Ngokwengxelo evela kwinkonzo yesipolisa, kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesibhozo(07:45) amapolisa aphendule kumbiko ochaza ngomzimba obulele kumsele okwindlela yegrabile iOld St Albans kuse kufuphi eBooysen Park.

Kuthiwa umqhubi weloli obezihambela ngendlela ubone lo mzimba uthe dundululu waze ngoko-nangoko waqhagamshelana namapolisa. Ekufikeni kwamapolisa, abone umzimba wowasetyhini omnyama noqikelelwa phakathi kweminyaka engamashumi amathathu(30-35) ukuya kwanesihlanu ubudala. Ngethuba lomzimba ujongwa ufunyenwe unxibe i(gown) yokulala emhlophe namdaka, ibhulukhwe yepijama eluhlaza okwesibhakabhaka eneenkwenkwezi ezimhlophe kunye neebhutsi zokulala eziluhlaza.

Ubenenxeba lokudutyulwa entloko. Kurhaneleka ukuba umntu obhubhileyo usenokuba ukhulelwe nangona kunjalo uvavanyo lomzimba luya kukwazi ukuqinisekisa oko. Amapolisa arhanela ukuba elibhinqa lisenokuba lidutyulwe phezolo, ngo-1/11.

Nabani na onokunceda ekuchongeni lo wasetyhini okanye onokuba nalo naluphi na ulwazi olunokunceda kuphando uyacelwa ukuba atsalele umnxeba iSAPS Bethelsdorp, D/Lt Col Alan Stuurman ku-071 608 1641 okanye 041 404 3010 okanye iCrime Stop 08600 10111 okanye amapolisa akufutshane. isitishi. Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
22.9 ° C
22.9 °
22.9 °
70 %
6.3kmh
81 %
Tue
24 °
Wed
21 °
Thu
28 °
Fri
39 °
Sat
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks