19 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

ZITSHE ZANGQUNGQA IIVENKILE KU CENTANE!

ZITSHE ZANGQUNGQA IIVENKILE KU CENTANE!

By: Vuyo Flente

Zitshe zangqungqa ivenkile ezine (4) Buzi, Lewis, George’s fruit and Vege kunye no Rajah Hardware kumgqibelo esiphuma kuwo.

Unobangela womlilo awaziwa kodwa abazibonele ngamehlo bathi umlilo uqale e Lewis.

Ngethuba sithetha nemanejala yenkile yakwa Rajah Hardware umnu Shanif Raan uthi uliqhwabela izandla isebe lezicima mlilo laku Centane ngoku rhuqa iinyawo ngethuba kusitsha iivenkile zabo,”Apha ayiyo nemizuzu emihlanu ukusuka kwi ofisi yabo uzokutsho apha kodwa khange bafike.” Lo ka Raan uqwele ngelithi kukho abantu abalahlekwe yimisebenzi yabo kodwa ubone kulungile ukuba ababhatale kude kuphele lena ka June inyanga.

Ngethuba sisiya kwi ofisi yezicima mlilo sifike kukhala ibhungane kungekho nomnye umsebenzi kwaye kungekho nenye imoto yokucima umlilo.

Umnu Shanif Raan uthi uzimisele ukuba aphinde avuse ishishini lakhe khonukuze abantu ebebesebenza phaya bakwazi ukugxotha ikati elele eziko.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19 ° C
19 °
19 °
61 %
2.8kmh
11 %
Sat
18 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks