INKONZO YESIPOLISA IBAMBISENE NESEBE LEZOTHUTHO BATHE BAKHUPHA IINKCUKACHA MANANI ZOLWAPHULO MTHETHO EZIYE ZAKHULA KWIKOTA YESINE 2021/22 EMONTI.
UMphathiswa wezothutho ephondweni u Weziwe Tikana Gxothiwe bebambisene nesebe lesiPolisa bebambe inkqubo yokukhupha iinkcukacha manani zolwaphulo mthetho kwiKota yeSine ka 2021/22kweli leMpuma Koloni kumzi womdibaniso i-ICC eMonti.
Iingxelo zidiza ukuba kukho ukwehla nokunyuka kweziganeko eziqhubekayo kweli zolwaphulo mthetho, udlwengulo , ukuhlukunyezwa kwabasetyhini nabantwana , ukuqhekezwa kwezindlu , ukubulalana, ukuxhwilwa kweTrucks , izithuthi ezihambisa imali , ukubiwa kwamabango omhlaba, ubusela, ukubiwa kwemfuyo nezinga lokusetyenziswa kweziyobisi.
Lenyukile izinga lokubiwa kwezithuthi kweli leMpuma Koloni ngo 8.5% xa kuthelekiswa neKota edlulileyo, ukuqhuba kwabantu bephantsi kweempembelelo zotywala abathe babanjwa kuMasipala iNelson Mandela Bay bangu 24%, Buffalo City Metro 20% OR Tambo 20% ngokwengxelo ethe yasiwa emaPolisa kwizikhulo zamaPolisa kwaba Masipala.
Ezona zikhululo zamaPolisa zintlanu eziphambili kulwaphulo mthetho ephondweni ekuthe kwashicilelwa iziganeko zolwaphulo mthetho Mthatha, Monti, Lusikisiki kunye no-Mdantsane. Kusenjalo kushicilelwe ukuba lehlile izinga lokubulawa kwamaPolisa esidlangalaleni ukusuka kwi-9 ukuya kwisine kuleKota yesiNe. Izinga lokudlwengula lenyuke ngo-22% kuMasipala we-OR Tambo, Buffalo City 40%, Chris Hani 40% kuleKota yesine.
Iziganeko zokuhlukunyezwa kwabantu ababhinqileyo kuMasipala iBuffalo City Metro banyuke ngo 162, kwiNelson Mandela Bay 135, OR Tambo 124 xa kuthelekiswa nekota yesithathu edlulileyo. Izinga lokuxhwilwa kwiKota yesine linyukile kwiNelson Mandela Bay 28, OR Tambo 18, Buffalo City Metro 15.
U-Chief Officer wakwa Correctional Services uLucky Mthethwa uthi basebenzisana kakuhle namaPolisa , bakwiphulo lokwandisa indawo yokugcina amabanjwa ngoba iphondo leMpuma Koloni liyaphuphuma ngo 160% akhondawo nakubeni amaPolisa engayekanga ukubamba abantu besiwa kulendlu yogcino lwamabanjwa. Lo kaMthethwa uqhube wathi ngo 2020 baye baqhweshelwa ngamabanjwa abalishumi , 2021 kwaqhwesha wamnye koko benza ngako konke okusemandleni ukuqinisesa ngokhuseleko lweziseko.
U-Lt Colonel Nomthetheleli Mene uthi noko amapolisa asebenzile kule Kota xa kuthelekiswa nezidlulileyo nanjengoko lehlile izinga lokuqhekezwa kwemizi yabantu.
Ingxelo: Yoliswa Khundulu