Umnqa ungqonge unobangela womlilo otshise ikhaya labongikazi kwikliniki yaseNcora eCofimvaba, utshabalalisa amayeza nempahla yabasebenzi bezempilo.
Umlilo wangeCawa utshabalalise isakhiwo esinamagumbi amathathu anegumbi labasebenzi, igumbi leti kunye nendawo yokugcina amayeza.
Akukho mntu wonzakeleyo kwaye akukho mntu ulahlekileyo.
Iiyunifomu zabasebenzi bezempilo, ukutya, izinto zabo eziquka iimpepha zezazisi, iimpepha zokuqhuba, ifenitshala, izipaji kunye nemali zonke ziye zatshaya.
Ngelixa iyeza latshatyalaliswa ngumlilo.
Umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth uthi ukhathazekile sesi sehlo.
“Siyibulela into yokuba kungekho mntu uswelekileyo okanye onzakaliswe ngulo mlilo. Siyavelana nabasebenzi abaphulukene nezinto zabo. Isebe liza kuququzelela iingcebiso zabo bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukubanceda bajongane nale ngxaki.
“Sifuna ukubongoza noluntu ukuba luqonde ngakumbi njengoko kusenokubakho ukunqongophala kwamayeza nanjengoko amayeza amaninzi ebetshatyalalisiwe.
“Amayeza atshisiweyo ebesanda kufika kwiveki ephelileyo evela kwindawo yokugcina izinto. Amayeza amaninzi ayaku-odolwa ukuze kuqinisekiswe ukuba abantu bethu abasileli kunyango lwabo, ”utshilo.
Iqela lamagosa aphezulu ezithili lityelele indawo yexhwayelo ngoMvulo. Nangona kunjalo, iindleko zomonakalo azikabalwa okwangoku.
Phakathi kwamanyathelo exeshana, isebe lijonge ekufumaneni amakhaya epaki ukuze ahlalise abasebenzi abachaphazelekayo, agcine amayeza kwaye asetyenziswe njengendawo yokuphumla iti.
Lo mlilo ungaqondakaliyo uphantsi kophando lwamapolisa.
Ikhutshwe lisebe lezempilo eMpuma Koloni
Ngemibuzo, qhagamshelana:
UMnu Mkhululi Ndamase, iSithethi sikaMphathiswa ku-071 851 8338
UNksz Yonela Dekeda, iSithethi sePhondo, iSebe lezeMpilo eMpuma Koloni ku-083 378 0968




