Ukhanyisa Nkantsu Sabuka ophuma kwikhanyisa music ministry’s naye eyimvumi eyedwa ukusukela ngonyaka ka 2004 kwathi ngonyaka ka 2020 waqala ukusingatha imisitho yamanenekazi angatshatanga. Kulo nyaka ka 2023 bandisa ingqwalasela yabo kungekuphela nje kwabasetyhini kodwa baquka namadoda njengoko nawo efuna ukuthatha inxaxheba. Amadoda nawo afuna ukuphulaphulwa afuna nokwabelana ngeemvakalelo zawo.
Ngomhla wesithathu kweyeSilimela ku 2023 ikhanyisa kushishino lomculo iza kuba ngumququzeleli othi Men’s indaba enomxholo othi “Restoration Galore” kwaye kuya kubakho izithethi ezine ezibini zisuka eRhawutini kunye nabanye ababini ngabafundisi base Monti. Lo msitho uza kubanjelwa eMonti e-orient theatre ngentsimbi yeshumi elinesibini emva kwemini.

