15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Zixulutywa ngamatye Izithuthi ezisuka kude

UMphathiswa weSebe lezothutho kwiphondo leMpuma Koloni, kunye neSebe lakhe ngokubanzi bavakalise udano nokuqaphela ngeliso elibukhali iziganeko zokuhlaselwa kubulawe abaqhubu bezithuthi zebhasi ezihamba umgama omde.

Oku kusemva kokuba kuthe kwakho, kwahlaselwa isithuthi sohlobo lwebhasi kuhola wendlela uR61 kude kufuphi naseKaladokhwe, ebinabakhweli ebavela eKapa besingise eMpuma Koloni, ngethuba isithuthi sabo sihlaselwa ngokuxulutywa ngamatye ngabantu abangaziwayo. UMphathiswa wezoThutho uWeziwe-Tikana Gcothiwe umemelele abezomthetho ukuba bathathe amanyathelo ngokuchasene noluhlaselo olubonakala luyingozi eluntwini ingakumbi abakhweli abahamba umgama omde.
Kuvakala ukuba oluhlaselo alunamkhethe kwibhasi kwaye lamatye axulutywa kwifestile zebhasi ntoleyo eyenza kubenzima ukuba umqhubi aqhubekeke ukuqhuba isithuthi sakhe kwaye ikwafaka nobomi babakhweli abangenatyala esichengeni. Ukwathe umthetho mawuthathe amanyathelo ukukhuselwa kwamashishini asebenza kwezothutho kweliphondo kwaye abo baphembelela lemikhuba mababanjwe.

Isebe likwanqwenelela ukudlulisa amazwi ombulelo kubakhweli abathe gqolo ukubhentsisa ezi zenzo kwabasemagunyeni kwakunye namaziko eendaba ohlukeneyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks