Amapolisa aseAlgoa Park eGqeberha acela uncedo kuluntu ekulandeleni umkhondo onokukhokela ekubanjweni kwegqiyazana elineminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala ekutyholwa ukuba libe netyala lokutshisa amatyotyombe amahlanu nezithuthi ezintathu eMissionvale ngentseni yayizolo.
Ngokwengxelo yamapolisa, kutyholwa ukuba ebutsheni bomhla we12 March 2022, ummangali (25) uye waxabana nesinqanda mathe sakhe, nesithe sagrogrisa ngokutshisa ityotyombe elikwiNkampi yaseRolihlahla.
Ummangali uthi khange azihoye ezizigrogriso nanjengoko eye wahamba esiya kwindawo yentselo ekufutshane nabahlobo kanti kukuqala komonakalo.
Kuthe kusenjalo malunga nentsimbi yokuqala (01:30)ngentseni, waxelelwa ukuba ityotyombe lakhe liyavutha. Ngelishwa lomlilo unwenwele wade wayokutsho nakwamanye amatyotyombe amane(4) asebumelwaneni nathe atsha angqungqa.
Ukanti lomlilo ukwatshise neemoto ezintathu ebezikwiyadi yommangali. Ngethamsanqa akukho mntu wonzakeleyo kwesisiganeko kwaye nezicimi mlilo ziye zawucima umlilo.
Lowasetyhini uye wanyamalala kwaye akaziwa ukuba uphi. Amapolisa aphanda ityala lokutshisa kunye nokonakaliswa kwempahla. Nabani na onokunceda ekukhangeleni umrhanelwa uyacelwa ukuba aqhagamshelane ne-ofisi yolwaphulo-mthetho ye-SAPS Algoa Park ku-041 409 1066/68. Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.