Ziya zisanda iziphakamiso zokuphucula ukhuseleko ecaleni konxweme laseGqeberha

Iqumrhu lezoShishino eNelson Mandela Bay Business Chamber licele amanyathelo okhuseleko ngaselwandle ukuba lunyuswe njengoko kusondela ixesha leziyunguma.

Kwileta eya kuSodolophu uGary van Niekerk kunye noMkomishinala wamaPolisa weSithili uNjengele Vuyisile Ncata, iChamber ithi iqela labo elisecaleni laselwandle liphawule ukwanda okumandla kolwaphulo-mthetho kutsha nje kulo mmandla.

Oku kwenziwe mandundu kukungabikho kwamapolisa abonakalayo kunye nezibane ezingasebenziyo kulo mmandla.

Ingqonyela yeChamber uDenise van Huyssteen uthe basebenzisana neBeachfront Safety Sector kunye neSummerstrand Neighborhood Watch ukufakela iikhamera nokuphucula izibane kwiindawo ezichongiweyo ezinolwaphulo-mthetho olundlungileyo.

Phantse kunyaka odlulileyo, uMasipala ombaxa weNelson Mandela Bay (NMBM) wasungula inyathelo lokuqinisekisa ukhuseleko lweeyure ezingama-24 ngaselwandle, intsebenziswano phakathi kwamashishini, imibutho yezokhenketho, kunye nabanye abachaphazelekayo.

Iziko elidityanisiweyo lokusebenza lali kwi qela leYacht e-Hobie Beach apho abasebenzi babebeka iliso kwiikhamera zeCCTV ecaleni kolwandle.

Isixa-mali esingama-R500 000 saqokelelwa kweli phulo, nelaliza kuthabatha unyaka ubuncinane.

Ingcali kwezoKhenketho eNelson Mandela Bay, uShaun van Eck uthe iQonga lisasebenza.

NgokukaVan Eck, kuninzi abakwenzileyo ngeekhamera zokhuseleko, hayi eHobie Beach kuphela kodwa nakwi-Solething Good kunye ne-S-bend e-Summerstrand.

“Inkxaso-mali evela kwi-Boardwalk kunye neQela le-City Lodge isenze sakwazi ukuqesha uKhuseleko lwesiXeko siphela ukuba lubeke iliso kuzo zonke iikhamera.

“Ukubeka iliso okufanelekileyo kukho kwaye uthungelwano luya luba banzi,” utshilo.

UVan Eck wongeze ngelithi, amalinge okhuseleko ngumsebenzi wemihla ngemihla njengoko ubuqhetseba kunye nobuqhophololo ngaselwandle iyinto eqhelekileyo.

Ukanti umbutho weDemocratic Alliance (DA) uthi lo mbutho udibanise isicwangciso esinamanqaku amahlanu anokuthi aphunyezwe ngoko nangoko ukuqinisekisa ukhuseleko lwabakhenkethi nabahlali ngeli xesha lehlobo lomasipala ombaxa.

Isithethi seDA kwezoKhuselo noKhuseleko, uGustav Rautenbach uthe indawo engaselwandle, neyiyeyona itsalwa kakhulu abakhenkethi abatyelela esi sixeko, yeyona ibe yingozi ngakumbi.

“Abantu bayahlaselwa baze baphangwe bexhonywe ngeemela ngelixa izitrato zimnyama ngenxa yokucima kwezibane zasezitalatweni.

“Kukwakho nokunqongophala kwemigaqo yokhuseleko kumapolisa kamasipala nakwisebe lezokhuseleko, nokhuseleko likamasipala kwindawo engaselwandle,” utshilo.

Isicwangciso seDA, phakathi kwezinye, siqulathe ukulungiswa kwazo zonke izibane zasezitalatweni ezingasebenzi kakuhle ecaleni kolwandle kwakunye nezibane kwipier kunye neendlela zokuhamba, nokwandisa inani lamapolisa kamasipala, izithuthi zokhuseleko, nokujikeleza ngeenyawo kwindawo engaselwandle.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA