21.2 C
King William's Town
Wednesday, May 22, 2024

Ziyalungiswa nguMaspala ingxaki zokuqhawuka kokuthululwa kwaManzi eGqeberha

Umasipala ombaxa weNelson Mandela Bay eMpuma Koloni uphumeze isicwangciso esibanzi sokuqubisana nophazamiseko lwangoku lwamanzi oluchaphazela iindawo ezahlukeneyo kulo mmandla.

Phakathi kwamanyathelo athathiweyo kukuthunyelwa kweetanki zamanzi ukunika isiqabu kuluntu oluchaphazelekayo kwindawo yase-Emerald Hill, eNew Brighton naseKariega. uMlawuli woSabelo lwaManzi UJoseph Tsatsire kumasipala ombaxa, uqinisekise abemi ukuba iinzame ziyaqhubeka ukuchonga oyena nobangela wokuphazamiseka kwamanzi. Lo gama kusaqhubeka ukusombulula ingxaki, uTsatsire uxolise ngayo nayiphi na inkxamleko eyenzeke ngenxa yolu phazamiseko esithi amaqela alomaspala okwangoku alungisa ingxaki ukuseka oyena nobangela.

UTsatsire uthi Isicwangciso sabo sokuqhubeka namanzi siya kubandakanya ukuhambisa iilori zamanzi, kwaye uhlaziyo lweendawo ezikuzo luya kwaziswa kungekudala.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
44 %
3.2kmh
13 %
Wed
26 °
Thu
22 °
Fri
16 °
Sat
22 °
Sun
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks