20.2 C
King William's Town
Tuesday, April 16, 2024

Isamhlupha ngakumbi impilo uMnu Mangosuthu Buthelezi

Usapho lweNkokheli nekwanguMseki wombutho we IFP uMangosuthu Buthelezi lidize ngentsasa yanamhlanje okokuba impilo yaleNkonde iya isiba mandundu.

Ekuqaleni kwenyanga ka July okaButhulezi, noneminyaka engamashumi asithoba anesine wafumana unyango nalapho wayeneentlungu ezisemqolo.

Ngokwengxelo yosapho lentlungu isemqolo yambangela angazinzi kakuhle ngokwasempilweni, nto leyo eyabangela aphinde angeniswe esibhedlele kungaphelanga nyanga.

Isithethi sosapho uBhekuyise Buthelezi uthi kuye kwangenelela nezinye izigulo ezibangele okokuba ibe kanti usafumana unyango esibhedlele.

Uqhube ngelithi ixesha azakulihlala esibhedlele lizakuxhomekeka kukukhawuleza komzimba wakhe ukusebenzisana namachiza.

Uthi belusapho lakwa Mntwana wakwaPhindangene bavakalisa amazwi ombulelo kwabo bavakalisa imithandazo nemiyalezo yenkxaso.

Ingxelo: Zintle Madikane

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
87 %
3.9kmh
99 %
Tue
20 °
Wed
31 °
Thu
29 °
Fri
30 °
Sat
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks