By Sophumelela Singqota
Inkampani yezixhobo zaseFrance iThales kunye nowayesakuba ngumongameli uJacob Zuma namhlanje bazakufaka isicelo sokubhena kwiNkundla ePhakamileyo yaseMgungundlovu ngokusichitha isicelo sabo sokuba bakhululwe kuwo onke amatyala orhwaphilizo kwintengiso yezixhobo.
Isicelo saziswa ngenxa yokubhuba kwabantu ababini abalulekileyo eThales kwelityala- abalawuli bangaphambili uPierre Moynot no-Alain Thetard.
Amagqwetha okhuselo alwe ngelithi awazukwazi ukuzithethelela ngaphandle kobungqina bala madoda mabini.
IJaji uNkosinathi Chili ugwebe ngenyanga yeSilimela esithi inkundla ayinakunqanda ukutshutshisa – amandla lawo akwiGunyabantu lezoTshutshiso (NPA).
Ephonononga iingxoxo zeThales noZuma, uJaji Chili uthi umdla woluntu kwityala eliphakamileyo ngolu hlobo nawo kufuneka uqwalaselwe.
Wongeze wathi kuyaqikelelwa okwangoku ukuba alikho elinye ingqina eliza kukwazi ukuncedisana nomkhuseli.
Ukusukela ngesigwebo senyanga yeSilimela, urhulumente uye wafaka isicelo sokuba uJaji Chili ayalele ukuba ityala liqhubeke nangona kukho ezinye izibheno okanye izicelo.
Umtshutshisi ophambili – uAdvocate Billy Downer – uthi kumaphepha izicelo ezininzi zikaZuma ezingaphumelelanga zilibazise ukutshutshiswa kweli tyala ngeminyaka elishumi elinesibhozo.

