10.8 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

Ingozi emasikizi kuhola wendlela uR61 phakathi kweCradock neTakastad

Ngabantu abathandathu(6) abathe basweleke kwingozi emasikizi ebibandakanya isithuthi sohlobo lweAvanza kunye neveni kuhola wendlela uR61 phakathi kweCradock neTakastad.

Isiganeko senzeke izolo umhla we 18.03.2023(uLwesihlanu) malunga nentsimbi yesithandathu(18H10) kwindlela u-R61 eCradock malunga neekhilomitha ezintlanu(5km) ukuya eTakastard.

Zombini ezi zithuthi bezisuka kumacala achaseneyo, iToyoya Avanza nebinabakhweli abalithoba(9) aba suka eTakastard ngelixa iToyota LDV inomqhubi oyindoda kuphela.

Zombini ezi nqwelo zeye zangqubana okwenkunzi zegusha ze yangabathandathu abebekhwele kwi-Avanza ababhubhele kwindawo yexhwayelo. Ebemnye owasetyhini(5) namadoda amahlanu(5) kuquka nomqhubi.

Amadoda amabini onzaleleyo kunye nowasetyhini omnye bonzakele ngokumasikizi kakhulu, kwaye babalekiselwe kwisibhedlele saseCradock ukuze bafumane unyango oluthe kratya.

Iimeko ezingqonge unobangela walengozi awukaziwa okwangoku nanjengoko kusaphandwa ngamagosa resend lezoThutho kuZwelonke kunye neSAPS.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe eCradock SAPS ukuze kuphandwe ngokupheleleyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
10.8 ° C
10.8 °
10.8 °
80 %
5.2kmh
98 %
Sat
31 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
24 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks