Ingozi emasikizi kuhola wendlela uR61 phakathi kweCradock neTakastad

Ngabantu abathandathu(6) abathe basweleke kwingozi emasikizi ebibandakanya isithuthi sohlobo lweAvanza kunye neveni kuhola wendlela uR61 phakathi kweCradock neTakastad.

Isiganeko senzeke izolo umhla we 18.03.2023(uLwesihlanu) malunga nentsimbi yesithandathu(18H10) kwindlela u-R61 eCradock malunga neekhilomitha ezintlanu(5km) ukuya eTakastard.

Zombini ezi zithuthi bezisuka kumacala achaseneyo, iToyoya Avanza nebinabakhweli abalithoba(9) aba suka eTakastard ngelixa iToyota LDV inomqhubi oyindoda kuphela.

Zombini ezi nqwelo zeye zangqubana okwenkunzi zegusha ze yangabathandathu abebekhwele kwi-Avanza ababhubhele kwindawo yexhwayelo. Ebemnye owasetyhini(5) namadoda amahlanu(5) kuquka nomqhubi.

Amadoda amabini onzaleleyo kunye nowasetyhini omnye bonzakele ngokumasikizi kakhulu, kwaye babalekiselwe kwisibhedlele saseCradock ukuze bafumane unyango oluthe kratya.

Iimeko ezingqonge unobangela walengozi awukaziwa okwangoku nanjengoko kusaphandwa ngamagosa resend lezoThutho kuZwelonke kunye neSAPS.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe eCradock SAPS ukuze kuphandwe ngokupheleleyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA