15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Ide yagwetywa indoda eyadlwengula ixhegokazi laseDutywa.

Umsebenzi onzima weYunithi yoKhuseleko loMntwana nobundlobongela kuSapho kunye noLwaphulo-mthetho ngokweSondo loLwaphulo-mthetho olujoliswe kwabaseTyhini nasebantwaneni ube nemiphumela emihle.

Oku kuza emva kokuba inkundla kamantyi yengingqi yaseGcuwa igwebe indoda egama linguAndile Mokolo oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe(27) ubudala ngolwesibini umhla weshumi elinesihlanu kweyoKwindla ngo2022, egwetywa iminyaka engamashumi amabini(22 years) ethothoza entilongweni ngokudlwengula owasetyhini oneminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe(67) ubudala wedolophu yaseDutywa.

Esi sigwebo sisuka kwisehlo esenzeke kwilali yaseNgxaxa eDutywa ngeCawe umhla we-09 kuTshazimpuzi 2017. Ngokwengxelo eyafikayo kwinkonzo yesipolisa, iveza ukuba ixhoba lalilele lodwa ekhayeni lalo ngethuba libona indoda emi ecaleni kwebhedi yalo yaza yamkrwitsha logama isanda ukumdlwengula.Lendoda kuvakala ukuba yangena ngefestile.

Lomba uye waxelwa emapoliseni waza umrhanelwa walandelwa wabanjwa ngosuku olulandelayo (10 April 2017).

Umkomishinala obambeleyo kwisithili saseAmathole uBrigadier Ngangema Xakavu uwaqhwabele izandla amalungu ngempendulo yawo ekhawulezileyo nebangele ukubanjwa kwabo. “Ndithanda ukuncoma igosa eliphandayo uDetective Warrant Officer Siyabulela Yenana ngophando oluthe kratya,” utshilo uBrigadier Xakavu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks