Usaziwayo waku Centane uVuyo Flente ngomhla wesithathu (02 March 2022) uzobe ephisa nge sanitary towels,izihlangu kunye nokutya kubantwana aba swelekelwa ngabazali kwingozi ye bus.
Uku khumbuza mlandeli we EC Indaba ,ngomhla we 02 March 2020 kusasa ibus yenkampani uAB350 yathi yaqengqeleka kwithambeka kwilali yase Qolweni isuka kwilali yase Cebe isingise edolophini ku Centane.
Kulongozi kwathi kwasweleka abantu abangama-26 konzakala abangama-68, longozi yathi yashukumisa ihlabathi lonke kuba yeyona Ngozi embi neyathi yashiya iinkedama abantwana bengenabo abazali.
Lo ka Flente sithethe naye silijelo le EC Indaba,”yinto ekudala ndicinga uyenza lena kodwa mandigxininise lento andiqali yinto endiqhele uyenza kwizikolo zase zilalini kodwa ngoku ndibonile ukuba mandiyenze eCebe Kanye ngalamhla kwenzeka ngawo esasiganeko. Iinjongo kukuba xa ndithe ndayenza kuzotsho kuchukumiseke izazela kubantu abaphezulu eburhulumenteni”.
Lo ka Flente uphinde wathi,”abanye abantwana baswelekelwa ngabantu ebebe beka isonka etafileni ngoku kweminye imizi kunzima. Nam andina to ndinayo kodwa esi sincinci isonka ndinaso kufuneka ndiqhekezele nabanye sikwazi ubambisana sakhe iphondo lethu le Mpuma Koloni”.
Lo mthandazo umfitshane uzobanjelwa eNcedisizwe high School,kodwa kusasa kuzoqalwa eCebe J.S.S apho kuzodluliswa ngokutya kwezintsapho.
Lo ka Flente uyacela ukuba ukhona nomnye umntu obawela uncedisa angamfumana ku WhatsApp 063 438 3004