Inkampani yabucala neyibhanka yemali kweli loMzantsi Afrika i(Post Bank) ityelele kumhlaba waseNgqushwa kweli leMpuma Koloni namhlanje.
Oluhambo nolutyhutyha kweli loMzantsi Afrika lwenzeka ngeenjongo zokuxhobisa nokufundisa abemi beli ngokhuseleko lwemali yabo nanjengoko bengabaxhamli bemali yesibonelelo sikaRhulumente(SASSA Grant) Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo izibilini beziphezulu, uluntu lunexhala kuba bekuvakala ukuba ethubeni amakhadi endodla akasayi kusebenza.
Inkampani yakwaPost Bank isebezisana noSASSA ize kuluntu ukuqinisekisa ukuba bayacacisa kwaye bathobe namaxhala kuluntu. Ingxelo nesuka kubo ngethuba sityelele apho be exhobisa khona uluntu eNgqushwa bathi, imali yesibonelelo izakuphuma nokuba ikhadi awunalo kwaye lizakusebenza de kube ngumhla we(31 December 2023)
Okutsha, nokwenziwe lula zezinkampani zimbini, ngeenzame zokwenza ubomi bakho bubelula kukuba imali yakho yendodla ungayikhupha nanini kwaye ungayikhupha kwezivenkile zilandelayo: Usave; Pick n Pay; Boxer; Shoprite; Checkers kunye noOK.
Xa ufuna uyikhupha qiniseka uphethe unomyayi wakho(cellphone) isazisi sakho kwaye uyayazi i(Pin) yekhadi lakho. Xa usenza njalo imali yakho uyakuyifumana ikhadi unalo ungenalo kuwe.
Xa unemibizo ethe vetshe tsalela umnxeba ku:063 359 6061 (WhatsApp) okanye 0800 535455







