17.2 C
King William's Town
Saturday, December 2, 2023

USodolophu: Sanga Maneli ngethuba ekunye namagosa endlela kuhlolwa izithuthi kuhola uN2 eNgqushwa

USodolophu woMaspala waseNgqushwa uSanga Siyabulela Maneli, uCeba Anathi Nodikida kwakunye namagosa ezendlela namhlanje, bebekuhola wendlela uN2 kwiphulo lokuhlola, ukufundisa kwanokulumkisa abaqhubi ngemithetho yezendlela.

Lohola wendlela uN2 nonqumla phakathi kwaledolophana ungomnye weendlela ezixakeke kakhuku ngumthamo wezithuthi ingakumbi ngexesha lokuphela konyaka okanye lokuqala kwiholide zikaDecember.

Sithetha nje.. uninzi lwezithuthi zenza umkrozo ukubuyela ezidolophini ezinkulu kwaye noluntu lungxamele ukubuyela emisebenzini kuba iholide zehlobo zifikelele esiphelweni.

Usodolophu waseNgqushwa nobethatha ekhondweni labo bangaphambili abasemagunyeni kweliphulo nelithe laqalwa nguMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni uWeziwe Gxothiwe Tikana kuKomani ekhatshwa yiNkulubaphathiswa uOscar Lubabalo Mabuyane kunyaka ophelileyo ngoDecember. Ngethuba sithetha naye uthi benguMaspala waseNgqushwa nabo banoxanduva lokuqinisekisa ukuba badlala indima ezindleleni ukunciphisa izinga leengozi ezithe gqolo ukwenzeka eMpuma Koloni. Ukwathe benguMaspala abagqibelisanga ukwenza oku koko bazakuqhubekeka kwaye bonyuse nomgangatho wokusebenza nezixhono.

Oku kwenziwa rhoqo ngexesha likaxakeka ukuqinisekisa ukuseleko loluntu ezindleleni kunye nezithuthi ezisemgangathweni ezihamba kweli kwanokuqinisekisa ukuba akukho baqhubi abophula umthetho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
78 %
1.8kmh
89 %
Sat
24 °
Sun
27 °
Mon
17 °
Tue
21 °
Wed
16 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks