Kungaqhuma kubasiwe!! ibhedi yakhe ibizele ziimbumbulu.

Udutyulwe ngentseni yanamhlanje iCawa umzi kaceba omkhulu kwiqela lezopolitiko iANC eMpuma Kapa kwisithili saseAmathole uNanziwe Fatima Rulashe. LolaRulashe ukwalilungu lekomiti kaSodolophu waloMaspala Amathole nothe wangungundaba-mlonyeni kwiveki ephelileyo ngethuba kutyhutyha ushicilelo lwe vidiyo apho ebonakala erhuqwa ngamadoda athile kwiofisi yakhe betyhola ngokuba bayalelwe nguMphathi.

Kuvakala ukuba esisiganeko senzeke kumzi wakhe oseMonti, uhlaselwe ngabantu abangaziwayo nekutyholwa ukuba abatsibe ucingo lombane ngasemva kweyadi yakhe ze baya ngqo kwigumbi lakhe lokulala apho ke batsho ngothotho lweembumbulu.

Ngethamsanqa okaRhulashe ebengekho ekhaya ngexesha lesosenzo, kwaye abaziboneleyo bathi ibhedi yakhe ibizele ziimbumbulu. Izihlobo nezalamane zakhe nazo ngethamsanqa zisindile kwesisihelwgu kuba bebelele kwamanye amagumbi kwaye abonzakalanga.

Ngentsasa amapolisa afikile kwikhaya likaRulashe egqogqa indawo yexhwayelo kwaye asenza uphando ngoku. Iimbumbulu nemigqobho yazo ibibonakala kucango lokutyibilika kwigumbi lokulala likaceba uNanziwe Rulashe emva kokuba umzi wakhe.

Azi iyakuzala komoni?

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.8 ° C
13.8 °
13.8 °
88 %
2.4kmh
0 %
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °
Sun
18 °

EZITHANDWAYO INDABA