Abathengi boMzantsi Afrika ingakumbi abo banamatyala, bazakunyanzeleka ukuba bangene nzulu ngoku kwimpokotho zabo ukuze bakwazi ukumelana nokuhlawula amatyaba abo. Oku kusemva kokuba iBhanka enguvimba kweli(South African Reserve Bank) ithe yanyusa inzala kwimali mboleko eyinika ibhanka zaseMzantsi Afrika yayokutsho kumyinge ka(25 basis points) ze bona abathengi bahlawule umyinge ka7.5% kumatyala abo.
Elinyathelo lifike kwabanye sele belilindele nanjengoko uMzantsi Afrika ujongene nomceli mngeni wokonyuka kwamaxabiso entengo. Oku lilishwa kuba bazakutyabuleka kanobomi abathengi nababhatala amatyala kodwa yona imivuzo ingekenyuki kuninzi.
Amaxabiso athe gqolo ukwenyuka kweli kuquka nexabiso lamafutha epetula(petrol) nebinyukile kwinyanga ezimbalwa ezidlulileyo ntoleyo ethi ikhokelele ekwenyukeni kwamaxabiso ezinto ezithengwa kwiivenkile zeli.
Nangona ke kunjalo leBhanki inguvimba eMzantsi Afrika ithi ilindele ukuba izinga leziqoqosho eMzantsi Afrika linyuke kulonyaka ka2022 ngomyinge ka 1.7% ze kunyaka ozayo2023 unyuke ngo 1.8% ukuyokutsho ku2.0& ku2024