16.7 C
King William's Town
Monday, May 19, 2025

Amahlwempu azakuhlwempuzeka, logama izityebi zityeba ngakumbi.

Abathengi boMzantsi Afrika ingakumbi abo banamatyala, bazakunyanzeleka ukuba bangene nzulu ngoku kwimpokotho zabo ukuze bakwazi ukumelana nokuhlawula amatyaba abo. Oku kusemva kokuba iBhanka enguvimba kweli(South African Reserve Bank) ithe yanyusa inzala kwimali mboleko eyinika ibhanka zaseMzantsi Afrika yayokutsho kumyinge ka(25 basis points) ze bona abathengi bahlawule umyinge ka7.5% kumatyala abo.

Elinyathelo lifike kwabanye sele belilindele nanjengoko uMzantsi Afrika ujongene nomceli mngeni wokonyuka kwamaxabiso entengo. Oku lilishwa kuba bazakutyabuleka kanobomi abathengi nababhatala amatyala kodwa yona imivuzo ingekenyuki kuninzi.

Amaxabiso athe gqolo ukwenyuka kweli kuquka nexabiso lamafutha epetula(petrol) nebinyukile kwinyanga ezimbalwa ezidlulileyo ntoleyo ethi ikhokelele ekwenyukeni kwamaxabiso ezinto ezithengwa kwiivenkile zeli.

Nangona ke kunjalo leBhanki inguvimba eMzantsi Afrika ithi ilindele ukuba izinga leziqoqosho eMzantsi Afrika linyuke kulonyaka ka2022 ngomyinge ka 1.7% ze kunyaka ozayo2023 unyuke ngo 1.8% ukuyokutsho ku2.0& ku2024

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.7 ° C
16.7 °
16.7 °
90 %
1.2kmh
93 %
Mon
17 °
Tue
30 °
Wed
14 °
Thu
17 °
Fri
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks