27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

Ningabali amantshontsho inkukhu ingekaqanduseli.

Umongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uthi, bengumbutho weANC abazukuba ngo goba sikutyele ngenxa yamaqela ezopolitiko adumisa ilizwi elithi awazukusebenzisana nalombutho kwindibaniselo yorhulumente weli kulonyulo loMaspala. “Kudala ndisiva imibutho isithi ayizukungena kumanyano neANC kwaye lo nto indenze ndazibuza ukuba, ngubani othe iANC ifuna ukungena kwintsebenziswano nayo?

Oku ukuthethe kumbiyozo wokubulela abo bathe bathatha inxaxheba yokuvota eMzantsi Afrika ingakumbi iqela iANC.

LokaRamaposa ugxile ngamadla kwilizwi elithi izikhalo zoluntu zivakele kwaye uzakuzithathela ingqalelo. “Sinivile bantu boMzantsi afrika kwaye sinive kwacaca” utshilo. Uphinde wagxeka ngamandla imikhwa yorhwaphilizo eyombathe lombutho kuquka nokruthakruthwano olukhoyo kwiinkokheli zeANC de ngamanye amaxesha kuphalale igazi.

Amaqela ezopolitiko aphikisayo uwalumkisile esithi mabangabali amantshontsho inkukhu ingekaqanduseli kuba bengumbutho aboyisakalanga koko bazakonyusa ikawusi ukwenza izilungiso kubuye abo bangavotanga. “Abantu bethu bakhethe ukungavoti kunokuba bavotele amanye amaqela kuba ababoni mbutho wumbi ngaphandle kweANC, ithi lonto ababantu basamthamthanda uCongolose” utshilo uMongameli.

Ukwathe bazakuqinisekisa ukuba iinkokheli zalombutho ziyaxhotyiswa ngendlela zokuziphatha kwaye abo bangenayo kubunkokheli ibe ngabantu abanenyani abangenasiphako kwaye abawufaneleyo umsebenzi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks