18.3 C
King William's Town
Saturday, October 11, 2025

Urhulumente wePhondo leMpuma Koloni

Urhulumente wePhondo leMpuma Koloni uqhube inkqubo yokugonya ebizwa (iReturn to Play) nebikhokelwa nguSekela Mongameli uDavid Mabuza kunye neSebe lezobuGcisa neNkcubeko, iMidlalo noLonwabo kumabala emidlalo iNelson Mandela Bay eGqeberha izolo.

Lenkqubo ibikwazinyaswe yiNkulumbuso uOscar Lubabalo mabuyane, uMphathiswa uNathi Mthetho kunye noninzi olusemagunyeni.

Lenkqubo isekwanxamnye neyeVooma, nayo ebiququzelela ukuba uluntu lugonywe. Ukanti inkulumbuzo uMabuyane nothe wathulula amazwi anikeza inkuthazo kuluntu ukuba luyokugonywa ngokukhawuleza luzokwazi ukubuye emabaleni kuquka neminye iminyhadala yeziyolo ebibanjwa rhoqo luluntu kodwa ethe yaphazamiseka ngenxa yeCorona.

“Siqalise iVooma Vaccination Drive kule nyanga iphelileyo, ngomhla we(1 October 2021) silandela ikhwelo likaMongameli uCyril Ramaphosa lokuba onke amaPhondo athathe amanyathelo okugonya abantu abaninzi kangangoko, ukuze bakhuseleke ngobuninzi phambi kwexesha leziyunguma”. Utshilo uMabuyabe

Ukwathe ifuthe leCovid 19, liluphazamisile uqoqosho loMzantsi Afrika kwaye xa sithe sagonywa sonke, lonto inikeza ithuba lokubuyela esiqhelweni kwaye kukhule kwakho uqoqosho. Elinyathelo lale nkuqubo lizakuqhubela phambili nanjengoko liqale izolo de liphele ngeCawe, umhla we(14 November 2021).

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
18.3 ° C
18.3 °
18.3 °
91 %
3kmh
99 %
Sat
18 °
Sun
18 °
Mon
30 °
Tue
23 °
Wed
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks