15.4 C
King William's Town
Thursday, November 6, 2025

Unqumamisiwe usekela mongameli weMKP uHlophe nguZuma ze wajika isigqibo sokuqeshwa kukaVan Rooyen njengombhexeshi oyintloko weMKP

By Nyameka Lamani

Kwisibhengezo esenziwe ngobusuku bayizolo umbutho womkhonto wesizwe unqumamise usekela mongameli kunye nenkokheli yasepalamente, uJohn Hlophe, kuzo zombini izikhundla zakhe ngoko nangoko.Oku kunqunyanyiswa kusalindwe luphando malunga nokuziphatha kwakhe.Ngeli xesha, uHlophe akazukuthatha nxaxheba ePalamente okanye kuyo nayiphi na imisebenzi enxulumene neqela.

Ukunqunyanyiswa kwakhe kuza emva kokuba uMongameli Zuma ebuya kuhambo lwakhe lwaseBurkina Faso,wadibana namagosa kazwelonke e-MKP kwaye waxelelwa ngotshintsho olwenziwe kwindlu yowiso-mthetho olungazange lube nothethwano olubanzi, nto leyo ekhokelele kwinkxalabo.

I-MKP ivakalise ukuba esi sigqibo senzelwe ukuqinisa umgaqo wobunkokheli obuhlangeneyo kuwo onke amanqanaba ombutho. Ngenxa yoku, lirhoxisiwe inyathelo elathathwa nguHlophe lokususa uComrade Collen Makhubele nokuqesha uComrade Des Van Rooyen.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
87 %
4.6kmh
99 %
Thu
15 °
Fri
25 °
Sat
31 °
Sun
27 °
Mon
29 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks