By Esona Magawana
Umasipala i-King Sabata Dalindyebo (KSD) uveze inqwelo entsha exabisa i-R120 yezigidi zeerandi,exhaswe ngemali-mboleko yeminyaka emihlanu evela kwa-FNB, ukunyusa umgangatho wokuhanjiswa kweenkonzo kulo mmandla. Inqanawa ibandakanya ngaphezu kweeyunithi ezi-50 zoomatshini bokuphuculwa kwendlela, ukuqokelelwa kwenkunkuma, ukulungiswa kwezibane zasesitalatweni, ukulima, kunye nokusika ingca.
Lo-masipala ukwasungule ukunyanzeliswa kwesantya kunye nebhasi evala indlela ,exhotyiswe ngobuchwephesha obuphezulu bokubona izohlwayo zendlela ezingekahlawulwa kunye nokuqhuba iintlawulo ngendlela yokubhatala ngoko nangoko okanye ye-EFT.

UMphathiswa wezoThutho uNksz. UWeziwe Tikane ulincomile eli nyathelo kwaye wathembisa ngenkxaso yesebe. “Isebe liza kujonga ukutyikitya isivumelwano senqanaba lenkonzo kunye nomasipala ukuze kugcinwe zonke iindlela zephondo ezingaphakathi kwemida yakhe.”
Le Nqwelo kulindeleke ukuba ikhawulezise ukuhanjiswa kweenkonzo, iphucule ukufikeleleka ezindleleni, kwaye yandise ukhuseleko kuluntu lonke lwase-KSD.
I-Democratic Alliance ivakalise inkxalabo yayo ngesi sibhengezo.
Ngokutsho kuka-Retief Odendaal, iLungu lePalamente le-DA kunye nesithethi se-COGTA eMpuma Koloni,”I-KSD inembali ende neyinkathazo yokuchitha imali eninzi kwiizivumelwano zemboleko Mali ekumila kunje, yaqala ngemali mboleko yeenqwelo-mafutha engange-R120 yezigidi eyathathwa ngo-2018, ilandelwa sisindululo sokuxhasa ngemali eyi-R165 yezigidi ngo-2023.

“Esi sivumelwano sifana nesangaphimbilini se-R120 yezigidi kwaye sivula ujikelele ngqu wokuvuselelwa komjikelo wetyala leenqwelo-mafutha rhoqo emva kweenyanga ezingama-36.” ucacise watsho uOdendaal.
Lo ka Odendaal wongeze ngelithi oku kwenzeka ngelixa i-KSD ikwingxaki enkulu yemali, ingakwazi ukuqokelela ingeniso eyaneleyo, isokola ukuhlawula ababoneleli, ijongene nokulibaziseka okukhulu kweziseko zophuhliso, kwaye ingakwazi ukubonelela ngeenkonzo ezisisiseko.

“Le thenda ayinankathalo yokusebenzisa imali kaRhulumente ngononophelo nenkathalo, kwaye ayina kucaciseka nangasiphi isizathu esibambekayo, kungoko siza kubeka imibuzo esemthethweni kuMphathiswa we-CoGTA kwiPhondo ukuze sifumane ingcaciso ngobungakanani, iindleko, kunye nefuthe lezemali lale thenda, kunye nokufumanisa ukuba umasipala onengxaki enkulu yezemali unokuthethelela njani ukwenza utshintshi-tshintshi weenqwelo-mafutha ngokupheleleyo kumjikelo weminyaka emithathu”, uqukumbele watsho u-Odendaal.

