15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Uyaqhuba uRhulumente weMpuma Kolon

Isebe lezonxibelelwano uGCIS namhlanje belibambe ingxoxo engokuhlukunyezwa kwamanina kwindawo yakwa Tshatshu eQonce phantsi komasipala wase Buffalo City.

Elisebe libambe lengxoxo phantsi komxholo othi “Pre-Sona Gender Based Violence and Femicide” ngaphambi kwentsuku nje ezimbini ukuba umongameli wesizwe awise intetha yakhe yesizwe ngoLwesine waleveki kwiphondo le Ntshona Koloni. Umba wokuhlukunyezwa kwa basetyhini yenye yemiba umongameli awayeyiphakamisile kunyaka ophelileyo ngenxa yeziganeko zokuhlukunyezwa kwamanina.

Ukanti lengxoxo ibizinyaswe ngamasebe afana nelozobulungisa, eloluleko, igunya bantu lezotshutshiso, amapolisa, kwakunye nemibutho elwelwa amalungelo wabasetyhini kuquka no Ceba nabahlali bakwa Tshatshu. Lamasebe athe abelana nabahlali bakwa Tshatshu ngendlela abangathi bazilandele kwakunye neminyango abangathi bangene kuyo xabehlukunyezwa okanye bedinga uncedo.

USajini Ncula nobesuka kwi offisi yamapolisa uthi kubalulekile ukuba abantu bazazi I ofisi ekufuneka beye kuzo xabedibana nokuhlukunyezwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks