Bekuzolile namhlanje kungekho bantu ngaphandle kwe Nkundla ka Mantyi e Bhizana okanye ke Mbizana apha e Mpuma Koloni.
U Mpostile ona 35yrs ubudala bekulindeleke afake isicelo se Bail kodwa watshintsha ngomlomo we Gqweta lakhe lakwa Legal Aid SA esithi uyasichitha isicelo.
Lendoda nenesikhundla sobizo lobu Kristu engu Mpostile apha e Bhizana kutyholwa ngelithi yarhwebesha ngobuxoki intombazana ena 23yrs ubudala nengumhlali wase Kapa phantsi koyithembisa ngokuyinika umsebenzi.
Intombi le ngumntu ekudala edinga umsebenzi ukuze aphucule imeko yasekhaya nalapho kubonakala kunzima kakhulu.
Uye wazibika kumakhasi onxibelelwano waza waxelelwa ukuthi umthandazo wakhe uvakele emaZulwini, kanti uzakuwela ezandleni zongendawo.
Ityala liphandwa libutho looKhetshe nanjengoko liyamaniswa nolwaphulo mthetho phantsi kwe Prevention & Combating of Trafficking in Persons Act 07 of 2013.
U Mpostile uyakubuyela e Court nge 16th yalenyanga nalapho azakunikwa i date yokuvela okokuqala e High Court kwalapha e Bhizana.
SINGULO MBUTHO siyasamkela isigqibo esithathwe ngulo Mpostile kwaye sinqwenela axolise kumaxhoba ukuba kunokuthi kanti lento atyholwa ngayo uyenzile.
Ndenza isicelo kuye wonke umntu ofumana isithembiso somsebenzi okanye mhlawumbi isikolo, umntu onjalo makacele uncedo kuma Polisa akufutshane, ukuba ama Polisa awakwazi kunceda wacele akudibanise no Capt. Lulama Jack kwa DPCI (Directorate for Priority Crime Investigation) akuncedise ukujonga ubunyani balonto ngeloxesha.
Sakuhlala silindile.
PETROS MAJOLA from Khula Community Dev Project EC.