Babanjiwe oonqevu ababeqhekeze ivenkile yobucwebe eBaywest

Ibutho looKhetshe libambe umrhanelwa weshumi elinanye ekukholelwa ukuba uyinxalenye yeqela labaphangi bexhobile kwivenkile yobucwebe kudederhu lweevenkile iBaywest eGqeberha kwinyanga ephelileyo.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala ubanjwe kwiphondo laseRhawutini.

Isithethi se Hawks kuzwelonke uColonel Katlego Mogale uthi uphando lokuqala lwayamanisa umrhanelwa kwiziganeko zokuphangwa kweevenkile zobucwebe ezenzeke kwilizwe jikelele kwezi nyanga zisixhenxe zidlulileyo.

Uthe abo atyholwa nabo babanjwe kwiiyure nje ezimbalwa emva kokuphanga iBayewest kuhola wendlela uN10 ngaphandle kwaseNxuba, eyayisakuba yiCradock, ngomhla wama-21 kweyoMsintsi.

Kwingxelo yangaphambili amapolisa athi abanjwe liqela eliquka amalungu eSAPS Cradock Vispol, iSAPS Cookhouse Highway patrol, iSAPS Cradock K9, kunye nenkampani yokhuseleko yabucala, ababambe imisebenzi.

Abarhanelwa abalishumi baye babanjwa behamba ngeemoto ezimbini ngelixa imipu emibini kunye nobucwebe obubiwe obuxabisa malunga nesigidi seerandi zaye zathinjwa.

Amapolisa athi iCrime Intelligence yaseMpuma Koloni nayo iqinisekise ukuba abarhanelwa babanjiweyo bayinxalenye yeqela eliyayanyaniswa nobugebenga eGauteng, eMntla Ntshona, kunye nezinye izenzo zolwaphulo-mthetho eKZN.

Bavalelwa ngezityholo zokuba nemipu engekho mthethweni kunye nokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA