Ikomiti yenkundla ephakamileyo yaseMakhanda iphinde yabongoza uMphathiswa wezobuLungisa noLuleko uRonald Lamola ukuba angasisusi isihlalo senkundla ephakamileyo eMpuma Koloni.
Oku kuza emva kwesiphakamiso seKomishoni yoPhando kaMoseneke sokuba iSitulo senkundla ephakamileyo sisuswe eMakhanda sisiwe kwikomkhulu lephondo iBhisho.
Usekela-Ngqonyela weYunivesithi yaseRhodes nosekela sihlalo wekomiti ejongene nentshukumo, uNjingalwazi Sizwe Mabizela, uthe ingxoxo yeKomishoni kaMoseneke ayinasihlahla.
“Ingxoxo yabo ibimalunga nokufikelela kubulungisa kwaye enye iyathandabuzeka… kukuba iSitulo seNkundla ePhakamileyo kufuneka sibekwe kwikomkhulu lephondo kwaye oko kungaphikiswa ngokulula kuba ayisiyiyo imeko leyo, yaye ayizinzanga kwiphondo laseRhawutini.”
UNjingalwazi Mabizela uthi ikomiti ejongene nentshukumo ngo2010 yaphumelela kwisicelo sangaphambili sokusigcina iSitulo eMakhanda kwaye singafuduselwa eBhisho.
Uthe oko kuya kuba nefuthe elibi kuqoqosho lweli.
“Sixoxile kwaye sabacacisela ukuba ukufuduswa kweSihlalo seNkundla ePhakamileyo kuya kukhokelela kwilahleko enkulu yemisebenzi kwaye, enyanisweni, uphando lokugqibela lwempembelelo yezoqoqosho esithe sayalela ukuba kuphulukene nemisebenzi engama-9,406 kwaye oko kukuncitshiswa kwe-39.7 Ipesenti yemisebenzi yaseMakhanda.”
Nangona kunjalo kulonyaka umiyo, uLamola unike iKomishoni kaMoseneke de kube sekupheleni kuka-Okthobha ukuba ingenise ingxelo yayo yokugqibela.
UNjingalwazi Mabizela uthe balifumene ithuba lokuthethana nomphathiswa ngalo mba kwaye banethemba lokuba uzakuma ngakwicala labo.
“Siye sathetha nomphathiswa oweza eMakhanda ukuba eze kumamela kwaye sayibulela kakhulu loo nto, uye wasiphulaphula ngenyameko – ebengekayifumani ingxelo yokugqibela ngelo xesha kwaye wasinika ithuba lokuba siphinde sive.
“Umphathiswa kusafuneka abeke ingqondo yakhe kwingxelo kwaye enze isigqibo sakhe sokugqibela

