Inkundla ephakamileyo yaseCacadu igwebe amadoda amahlanu ayinxalenye yeqela elingabhaliswanga lokugada kwindawo yaseZibeleni ngokubulala,ukuxhwila nokuhlasela

By Nyameka Lamani 

Inkundla ephakamileyo yaseCacadu igwebe amadoda amahlanu, uNkosana Sandlana, uSivuyile Mlondolozi, uDumisani Kubayi, uLuyanda Toto, noThanduxolo September, iminyaka engamashumi amathathu ananye(31) umntu emnye ngenxa yokuxhwila, ukubulala, kunye nokuhlasela. Bonke bayinxalenye yeqela elingabhaliswanga lokugada kwindawo yaseZibeleni. Izigwebo ziya kuqhuba ngaxeshanye, nto leyo ethetha ukuba umntu ngamnye uza kuthothoza iminyaka engamashumi amabini(20) entolongweni.

NgeyeSilimela ka-2022, la madoda mahlanu angena kwityotyombe lika-Emihle Mrubata oneminyaka engamashumi amabini anesithandathu(26) ubudala amtyhola ngokuba iselula yomqeshi wakhe. Bathe bakuba bengawufumani umnxeba baxhwila babetha kanobom uMrubata nomhlobo wakhe uLuzuko Mzinjana ethafeni. Ngelishwa, uMzinjana kamva wasweleka ngenxa yokwenzakala kwakhe ekliniki. Abarhanelwa babanjwa kwaye bakhululwa ngebheyile. Ityala labo laya kwinkundla ephakamileyo yaseCacadu, nalapho bafunyanwa benetyala ngoCanzibe ka-2025.

Ngosuku lwesihlanu kweyeNkanga ka 2025, inkundla yawisa isigwebo. Indoda nganye yafumana iminyaka elishumi(10) ngamatyala amabini okuxhwila,unyaka omnye ngokubetha, namashumi amabini(20) eminyaka yokubulala. UMkomishinala weSithili, uMajor General Rudolph Adolph, uvakalise ukoneliseka sesisigwebo, esithi siza kuthumela umyalezo ocacileyo ngokuchasene nokuphaphela ukulwa nolwaphulo-mthetho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA