29.5 C
King William's Town
Monday, October 13, 2025

Baqikelewa ku42 ababhubhileyo kwingozi yebhasi ebisiya Zimbabwe

Liqela labantu abaninzi ekurhaneleka ukuba babhubhile kwingozi yebhasi eyenzeke kuhola wendlela uN1 ngaphandle kwaseLouis Trichardt eLimpopo. Iingxelo zokuqala ziveze ukuba ngabakhweli abahlanu babhubhele kwindawo yexhwayelo kodwa elinani liye lonyuka.

Abanye abakhweli kuxelwa ukuba basavaleleke kuloo ngozi.

Abaqhubi beemoto ezihamba kwindlela ephakathi kweMusina kunye noLouis Trichardt bacetyiswa ukuba basebenzise indlela yaseWitvlag kunye neWilliespoort.

Isithethi sesebe lezothutho ephondweni uMatome Taueatsoala uthi abasebenzi beenkonzo zikaxakeka, amagosa kwakunye noMphathiswa uViolet Matye bakwindawo yexhwayelo.

UTaueatsoala uthi, “Singaqinisekisa ukuba ingozi ebandakanya ibhasi yenzeke kuhola wendlela uN1 ngase Ingwe lodge ngaphandle kwase Makhado kwindlela eya eMusina, iinkcukacha zengozi zizazakuphuma kwaye uMphathiswa uMathye uya kwindawo yexhwayelo ukuyokuhlola kodwa okwangoku indlela isavaliwe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
29.5 ° C
29.5 °
29.5 °
42 %
4.6kmh
16 %
Mon
29 °
Tue
24 °
Wed
21 °
Thu
15 °
Fri
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks