11.4 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

IPASA iqinisekisa ulwazi olupheleleyo kwiinkokheli zasekuhlaleni nge-Oli neRhasi yaseMpuma Koloni.

By Nyameka Lamani.

Ngomhla wesine (4) kweyeThupha, iArhente yePetroleum eMzantsi Afrika (PASA) ibisingathe iseshoni yothethathethwano olubalelulekileyo kwiHolo iWillowvale TRC.

Le seshoni idibanisa uSodolophu, uCeba Samkelo Janda, uSotswebhu weBhunga uCeba Ludwe Mantshiyose, ooceba, iinkokheli zemveli, iigqiza elisebenzisana noKumkani kunye namalungu oluntu, njengenxalenye yocweyo lwe-Oli neRhasi eMpuma Koloni.

Ukanti neSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yezeMveli (COGTA) beliyi nxalenye yalendibano ukuqinisekisa ukuba uMasipala, iiNkokeli, zeMveli kunye nabaHlali ukuba banolwazi ngalenkqubo kwaye bayayixhasa.

Le ndibano ibijolise ekunikezeleni ngolwazi kunye nokwenza izinto elubala malunga nokuphononongwa kwePetroleum ezayo kunye nemisebenzi yemveliso koomasipala basemakhaya.

Ngokunyuka komdla kwi-oyile nerhasi enokubakho kulo mmandla, iPASA ithatha indlela esebenzayo yokuqinisekisa ukuba iinkokheli zasekuhlaleni zinolwazi olupheleleyo kwaye zixhotyisiwe phambi kokuba kuqale uthethwano olubanzi noluntu.

Ibambela leCEO yePASA, uGqirha Bongani Sayidini ubalule ukuba la seshoni ibalulekile.

“Isivumela ukuba sixhobise ooceba kunye neenkokheli zemveli ngolwazi oluchanekileyo, olusekwe kuphando ukuze ingafiki lenkqubo bengalindelanga okanye balahlekiswe xa ezi nkqubo ziqalisa, kwaye la seshoni ibimalunga nokuxhobisa khona ukuze olu phuhliso lungabonwa njengezoyikiso kokusingqongileyo okanye kuqoqosho lwezokhenketho, kodwa njengamanyathelo anokuthi aphuhlise.”

Njengomlawuli wemisebenzi yePetroleum eMzantsi Afrika, iPASA idlala indima ephambili ekongameleni ukusebenza kwe-oyile negesi elunxwemeni nakude nonxweme. Uxanduva lwabo lubandakanya ukulawula amalungelo okuhlola, ukuqinisekisa ukuthotyelwa kokusingqongileyo, kunye nokugcina imithombo yedatha yepetroleum yelizwe.

IPASA iphinde yaqinisekisa ukuzibophelela kwayo ekusebenzisaneni noomasipala kunye neenkokeli zemveli ukuqinisekisa ukuba iinzame zokuhlola ziyabonakala, kwaye ziluncedo kuluntu lwasekuhlaleni.

Le seshoni yanamhlanje iphawula inyathelo elibalulekileyo lokulungelelanisa uphuhliso kunye nokugcinwa kokusingqongileyo kunye nenkcubeko exhomekeke kwimfundo, unxibelelwano oluvulekileyo, kunye nokuhloniphana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11.4 ° C
11.4 °
11.4 °
80 %
2kmh
98 %
Fri
16 °
Sat
34 °
Sun
24 °
Mon
29 °
Tue
13 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks