KUBHUBHE IPOLISA KWIMVULA YE MBUMBULU PHAKATHI KWEZIKRELEMNQA NONOGADA BABUCALA

Badele konke, bezibona bengooRambo ooNqevu base Monti, ngethuba bedubulana namapolisa kwinzame zokuphanga iBhanka yemali.

Amapolisa kunye nonogada babucala avulelele ngembumbulu kunye nezikrelemnqa kwilinge lokunqanda ukuphanga kuxhotyiwe eWest Bank ,Emonti.

Ngokwengxelo enikwe lisebe lezothutho ephondweni abanqevu bebexhobe befohlela kwaye besizimisele ukususa nantoni na esendleleni yabo .

Kulapho ipolisa eliNye lithe lachazwa ukuba liphulukane nobomi balo,logama omNye wonogada babucala ethe wafumana umonzakalo.

Kananjalo Umphathiswa wokhuseleko u Mnumzana Xolile Nqatha Ugxwale emswaneni nosapho oluthe lwaphulukana ne polisa Kule ntlekele.

Ngalomzuzu unobangela wesi sehlo awukaziwa . Umphathiswa uhlabe ikhwelo kuye nakubani onokuthi ancedise ekubanjweni kwabenzi bobubi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA