19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Zimtyile iintlungu ngokwaneleyo: Lala ngoxolo Yamkela

Uyikhabile ibhekile umtwana nogama linguYamkela Seplane emva kokutyiwa ziintlungu yingalo ebidumbile.

UYamkela nobeneminyaka elishumi elinesine(14) ubudala ubhengezwe njengobhubhileyo kwingxelo ekhutshwe nguPetros Majola weKhula Development Projects ngobubusuku banamhlanje umhla we( 2 May 2023)

Kulengxelo, ichaza ukuba umtwana ubhubhe emva kokuba ebetyiwa ziintlungu kanobomi, yinaliti awayihlatywayo ngethuba egonyelwa intsholongwane yeCovid 19. Oku kwenzeke kunyaka ka2021 kwinyanga kaNovember.

Umtwana ekunye nosapho lwakhe, bakrweca uPetros Majola kuba befuna uncedo nanjengoko lengalo yayiqaqamba kwaye idumbile de yachaphazela nezifundo zomtwana nobesenza uGrade 7.

Kaloku uYamkela wayengasakwazi nokuya ezikolweni ngenxa yengalo engapholiyo nedumbileyo. Ngethamsanqa walufumana uncedo kuPetros Majola kwaye nathi silelijelo sayikhupha ingxelo ukuze abo basemagunyeni basabele kwaye alufumane uncedo.

Ngenene oko kwenzeka, kwaye noluntu loMzantsi Afrika lufaka inkxaso kambe abanye bethumela amazwi ovelwano. Ngeliswa umtwana woyisakele de wabe uyabhubha.

Nganga umphefumlo wakhe ungalala ngoxolo kwaye aye kwelokhaya kungabikwa ntlungu nazikhalo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks