11.7 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

UMasipala weNgingqi iWinnie Madikizela Mandela ububambe iiMbasa zokuGqwesa kuMasipala wabo.

By Esona Magawana.

ISebe loPhuhliso loQoqosho, iMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho (i-DEDEAT), elikhokelwa nguMphathiswa wePhondo Nonkqubela Pieters, belibambe umsitho wamaBhaso ePhondo kwiHotele iWild Coast Sun, kwaWadi 24 eWMMLM. Oku kwenzeke ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kweyoMsintsi 2025.

EziMbasa ziqaqambisa ukubaluleka kokuSabela kuTshintsho lweMozulu, ukuLondolozwa kweZityalo ezahlukahlukeneyo, kunye noLawulo lweNkunkuma, ekhuthaza wonke umntu ukuba akhusele kwaye alondoloze okusingqongileyo.

Izikolo ezimbini zeSithili saseAlfred Nzo zizimisele ngokugqwesayo. ISikolo samaBanga aPhantsi iNkulisa (kwindawo yaseMzimvubu) ibambe indawo yokuqala (1) kwiCandelo leZikolo zamabanga aphantsi ukanti iSikolo samaBanga aPhakamileyo iMzamba Comprehensive (WMMLM) ibambe indawo yesibini (2) kwiCandelo leSikolo samaBanga aPhakamileyo.

UMasipala uvuyisana kakhulu nabafundi kunye nootitshala ngokwenza umasipala nesithili ube nebhongo, ngokwakha ikamva eliluhlaza nelizinzileyo.

Kumyalezo wakhe wokuvuyisana naye, uNqulo lwakhe uSodolophu, uCllr. UTD Mafumbatha uthe, “Singumasipala, sisazibophelele ekuxhaseni amaphulo akhuthaza ulutsha ukuba lukhokele ekukhuseleni umhlaba wethu.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
11.7 ° C
11.7 °
11.7 °
71 %
6.6kmh
100 %
Thu
14 °
Fri
17 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks