Emva koqhankqalazo lwakutsha nje lwabafundi kwiDyunivesithi yaseFort Hare olukhokelele ekutshatyalalisweni kwezakhiwo ezingundoqo zeki ziko, iKomiti yeSebe leMfundo ePhakamileyo yePalamente igqibe ekubeni iqhube utyelelo olungxamisekileyo kwiYunivesithi yaseAlice eMpuma Koloni ngoLwesibini, umhla wamashumi amabini ananye (21/10) KweyeDwarha 2025.
USihlalo wale komiti umnumzana Tebogo Letsie ukhale ngobungakanani bomonakalo nokuphazamiseka kwemisebenzi yezemfundo. Uthe le ntshabalalo iqikelelwa kwi-R250(million) ukuya ku-R500(million) yezigidi zeerandi.
“Isiphithiphithi esinobundlongondlongo sabafundi ngesi ngenzekanga ukuba abaphathi beyunivesithi bebesimamele isicelo sabafundi baze bavumele unyulo lwebhunga elimele abafundi (SRC) ukuba lwenzeke njengoko bekuceliwe.” Endaweni yoko, abaphathi beDyunivesithi, bagqibe kwelokuba banyule i-Interim SRC emva kokuba ixesha le-SRC ebiyonyulwe kunyaka ogqithileyo liphelile. Umonakalo mbi kakhulu kwaye uchaphazele iziseko zophuhliso ezibalulekileyo, kuquka neerekhodi zemfundo,” utshilo uMnu Letsie.
Wongeze ngelithi, “Sinethemba lokuba ukungenelela kwale komiti kuya kunceda ukuhlanganisa onke amaqela ukuze kutyhilwe oonobangela bolu qhushululu kwaye kufumaneke izisombululo eziya kuhlala zihleli,” utshilo uMnu Letsie.
Kwiveki epheleleyo,Isigqeba seDyunivesithi siqukumbele iinkqubo yovavanyo lokufuna impendulo nokuphonononga ubunzulu befuthe lodushe kwiziseko zombini zeluziko lemfundo, nabo bekwagxininisa ukungaginyeki kobuzaza bomonakalo othe wenzeka kwizakhiwo ezingundoqo ekuqhubeni iinkqubo zemihla ngemihla zeDyunivesithi iphela.