Isebe leMfundo kuzwelonke ludanile.

UMphathiswa weMfundo esiSiseko uAngie Motshekga uthi wothukile kakhulu kukubulawa kukatishalakazi nonguSekela Nqununu kwisikolo samabanga aphakamileyo iPhumulong eTembisa kwimpuma yeRhawuti kwisithuba sentsuku ezimbalwa ezidlulileyo.

Lowasetyhini uneminyaka engamashumi amahlanu(50) ubudala udutyulwe wabulawa ngamadoda amathathu nabexhobile,namfumene ngethuba ephuma kumasango esikolo ngemini yango Lwesihlanu.

Amarhe athi abadubuleyo babandakanya abafundi balomfundisi ntsapho, bedubula ngezizathu zokuba betshone ibanga leshumi(Grade 12)

UMotshekga uthi amapolisa kufuneka angashiyeleli nanye kuphando lwawo, kwaye asebenze ngoku khawuleza ukubamba aba barhanelwa. Uthi kufuneka kukho ukhuseleko olungqingqwa ezikolweni nanjengoko belibeka phambili ukhuseleko kweli Sebe.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
73 %
3.9kmh
43 %
Fri
22 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA