Umbutho wabahlali ISANCO izolo ibibambe indibano eyintlanganiso kwakunye nabahlali kwiholo laseScenery Park kumasipala ombaxa waseBuffalo City eMonti.
Lentlanganiso nebiququzelelwe zinkokheli ze SANCO kuquka usihlalo wombutho uMnumzana u Holiday kwakunye no Mnumzana uNobhatyi nongu nobhala yintlanganiso elandela intlanganiso ibibanjwe ngoLwesithathu we veki ephelileyo nalapho kuvakala ukuba akhange iqhubeleke kakuhle ngenxa yabantu ebebekhona nabathe bayigxobha.
Lentlanganiso yanamhlanje ibikukuzocacisa ngezinto nemiceli mngeni engqonge I Scenery Park. Ezona zinto zihamba phambili nekukhalwa ngazo ngalamaqela mabini nanjengoko kukho iqela elimele uCeba wakwa Ward 5 uMonica Goci kwakunye nabo bangahambisani nohlobo abathi uqhuba ngalo uceba ngumba wokuqashwa kwabantu ebebebhalise ngexesha likaceba ophumileyo. Abahlali bathi kukho abantu abayi 100 ebekufanele kuqeshwa bona nanjengoko amagama wabo ayesiwe ngaphambili kuceba ophumileyo UMr Tokhwe. Abahlali bathi uceba yena Ufuna kuqashwe abantu bakhe kwaye bekufanele kuqale ngaba bokuqala nanjengoko imali eyi 1million ebizwa ngokuba yi Ward Fund yayifike kuTokhwe.
ISanco ithi ilwela ukuba kucace lonto Kuba ngoku sekukho abantu abaqashwayo abatsha. Ukanti umama uNokhaya Cimi uthi ISanco iyamlwa nje uceba ngoba bekufanele kuqhashwa abanye abantu ngoku kwaye yonke into eyenziwa yi SANCO kukungcolisa igama lika Ceba.
Ukanti uMnumzana uNobhatyi nongu nobhala uthi ngomso bazokhupha amalungu azoya kwi offisi Ka somlomo kumasipala wase BCM ukuba bayo jonga ukuba izinto zime njani ngoku nanjengoko bebebhalele usomlomo we bhunga lolawulo kumasipala wase BCM uHumphrey Maxhegwana nothe wabaphendula ngembalelwano ethi izikhalazo zabahlali okanye ISanco zivakele kwaye I ofisi yakhe izoyilandelela lonto. Ukanti omnye wombandela ubutshisa ibunzi kukunvedwa kwabantu abathile ngento yotya ngexesha lezikhukhula ezithe zahlasela iBCM kwiveki ezimbini ezidlulileyo. Ukanti xeshikweni iqhuba lentlanganiso bezikhona iziganeko zokubhidana kwabahlali ngamagama ngenxa yokungavisisani kodwa akhenge kubekho mntu obanjwa esiqwini.



