Enkosi mamTola kodwa susivimba utywala xa buvaliwe

Ibiluvuyo nogcobo kubahlali baseMsimango eZiphunzane, emonti kweli leMpuma Koloni emva kokuba usomashishini othengisa isiselo esinxilisayo ethe waxhela inkomo waphekela abahlali ngokubanzi ebulela igalelo labo lokumxhasa ekuhlaleni.

Ukanti oku kuza nanjengoko lomzi wentselo iMam Tolo’s Tarven nesekwe ngowasetyhini uNombuzo Maqoboza igqiba iminyaka engamashumi amathathu yasekwayo. Kudliwano ndlelebe nentatheli u-Mama uNombuzo uthi kuleminyaka ingamashumi amathathu eqhuba elishishini ekuhlaleni bekungekho lula kakhulu kodwa noxa kunjalo inkxaso ebeyifumana kubahlali.

Ukanti kwelixesha kuphilwa phantsi kweNtsholongwane yeCorona lomzi wentselo ngokwengxelo ubuyithobela imigqaliselo ebekiweyo ngabasemagunyeni ukukhusela iimpepha mvume zokuqhuba elishishini nanjengoko lithe lachaphazeleka ngokwasezimalini ngenxa yokumiswa ngxi kweentsukumo zoluntu kwisigaba sesine. Kudliwano ndlebe lo ka-Maqoboza uqhube wathi ubone kukuhle ukuba abakhumbule abaxhasi bakhe abathe meba naye ebubini nasebumnandini, nanjengoko kungokunje ikhula intengo.

Ukanti abahlali balincomile elinyathelo bekwathi uMam Tola ngumntu ebantwini kwaye ubaphethe kakuhle kwishishini lakhe. Ekubeni omnye wabahlali esithi bakhalazela into yokuba xa kuvaliwe ngxi ukuthengiswa kotywala ngenxa yeCovid 19 uMam Tola uye abavimbe, athengisele abantu abangamxhasiyo kwelishishini, yiyo yodwa into emhluphayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
22.3 ° C
22.3 °
22.3 °
81 %
2.4kmh
100 %
Thu
22 °
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °

EZITHANDWAYO INDABA