19.7 C
King William's Town
Thursday, December 5, 2024

Liyaqhuba alimanga iziko lezeMfundo eMpuma Kapa.

Nanjengoko kulindeleke ukuba kuqalwe ukumakishwa kwamaphepha abafundi bebanga leshumi(Grade 12) kwiphondo leMpuma Kapa, intloko yeSebe lezemfundo uGqirha Naledi Mbude, kusuku lwanamhlanje undwendwele amaziko amabini ekulindeleke ukuba kuphononongwe kuwo iimviwo zokuphela konyaka zabafundi bebanga leshumi kwizikolo iQueenstown girls high kwidolophu yase Komani kwakunye neStutterheim high eCumakala.

Ethetha nootitshala abazakuqhuba oluphononongo uGqirha Mbude ubongoze ukuba benze lomsebenzi bengenamakhwiniba nagxanasi, bawenze ngokuzinikela bekwacinga kakuhle imeko abajamelene nayo yabafundi abangakhange bakwazi ukufunda ibanga leshumi uElizabeth(11) ngenxa yokuqhambuka kwentsholongwane yesifo I covid 19 kweli lizwe.

Ukanti kusenjalo u Mbude uthe wadlulisa amazwi ovelwano kusapho lomfundi wase Queenstown girls high nobikwe njengoswelekileyo ngumakhulu ebehlala naye ngentseni yosuku lwaphezolo. Kwaye uthi belisebe sele bethumele igqiza elizakunika inkxaso kusapho nekulindeleke ukuba liye kwikhaya lalomfundi kusuku lwangomso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.7 ° C
19.7 °
19.7 °
72 %
4.6kmh
99 %
Thu
19 °
Fri
28 °
Sat
20 °
Sun
30 °
Mon
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks