IBhunga leSizwe loPhuhliso loQoqosho nezaBasebenzi(i-Nedlac) lenze isindululo kurhulumente sokuba izigunyaziso zogonyo eluntwini, kufuneka ziphunyezwe ngokhawuleza kwakunye neendawo zendibano kwaye zifikeleleke kuphela kubantu abagonyiweyo. Oku kungqinwe nguMphathiswa wezaBasebenzi neNgqesho uThulas Nxesi kunye nomlawuli olawulayo weNedlac uLisa Seftel ngethuba lengqungquthela yaminyaka le ebiqhuba ngentseni yanamhlanje.
UMzantsi Afrika kungoku ungene zwabha kwinqanaba lesine(4th wave) lobhubhane weCOVID-19 kwaye urhulumente weli usaqhubekeka neengxoxo malunga nokusetyenziswa kwesitofu esisisinyanzelo. Ukanti lokaNxesi uthi usabela kwikhwelo elenziwe nguMongameli Cyril Ramaphosa okukhenketho eNtshona Afrika ngethuba ethetha neSizwe kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo.
Lomba wokunyanzeliswa kwesisigonyo uzakuchaphazela wonke umtu ingakumbi abo baphangelayo nabo bahamba iindawo zikawonke-wonke. LokaNxesi uthi benguRhulumente bayalele iNedlac ukuba iye kwinkundla yomgaqo siseko ukuba ipasise umthetho wokunyamzelisa ukugonwa koluntu ntoleyo abakholelwa ukuba inkundla izakusiva isicelo sabo.
Nangona kunjalo uRhulumente isaqhuba kwelinye icala ukukhuthaza uluntu ukuba lufake isitofu sogonyo ngelinge lokuzama ukusindisa impilo zoluntu kulentsholongwane yeCorona ngoku ethe gqi sele inguOmicron.