32.1 C
King William's Town
Monday, December 9, 2024

Ukukhula kwempahla ethunyelwa ngaphandle yeyona nto iphambili kulimo lwaseMpuma Koloni

Ukukhula kweemarike zehlabathi kunye nokuthunyelwa kwempahla kumazwe angaphandle kube ngumba ophambili ophambili kwinjongo yengqungquthela yonyaka ye-Agri Eastern Cape, eqale eJeffreys Bay izolo.

Abathunywa bathi oku kubalulekile ukuqinisekisa icandelo loshishino lwezolimo oluzinzileyo ephondweni kunye nokuphila kwezolimo njengeshishini nokudala imisebenzi.

Ulimo yenye yeentsika zoqoqosho eMpuma Koloni. Eli candelo likwanyamezele iinyanga ezilishumi elinesibini (12) ezinzima ukususela kwinkongolo edlulileyo.

Umongameli wezolimo ephondweni uPeter Cloete uthi banamalungu angapha kwamawaka amathathu (3000).

Ethetha nabeendaba zeSABC uCloete uthi Ukulandeleka likamva, ihlabathi lifuna ukulandeleka ukuthumela ama-apile, iigusha naphi na emhlabeni. Uthi ngaphandle kokulandeleka, awuzukwazi ukuthumela ngaphandle, abayi kukuhlawula kancinci, kodwa abazukuyithenga imveliso yakho.

Kusenjalo isebe lezoLimo lithi ukujongana nokunqongophala kwezitofu zokugonya kufumana ingqalelo efunekayo.

Lo ngumxholo oshushu phakathi kokuqhambuka kwesifo sonyawo nomlomo kwiindawo ezimbini zephondo, eKouga kunye nommandla ombaxa weBuffalo City.

Umphathiswa wezoLimo uJohn Steenhuisen uthi intsebenziswano phakathi kwamashishini abucala nakarhulumente iyafuneka ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika unawo amandla okwenza amayeza okugonya.

Kwabeendaba ze SABC uthe “Yingxaki yesizwe, zinqongophele izitofu zokugonya elizweni ezahlukeneyo zezigulo ezithi zibonakale. Kukho ukunqongophala kwamayeza okugonya amahashe aseAfrika. Sibonile ngoku ukunqongophala kwezitofu zokugonya unyawo kunye nomlomo, kwaye ngoku singenisa inani elikhulu lezitofu zokugonya ezivela eBotswana. Akufanele kube njalo. I-OBP – i-Onderstepoort Biological Product – ibe yinkokeli yehlabathi kwizitofu zokugonya.

Le nkongolo iyaqukunjelwa namhlanje.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
32.1 ° C
32.1 °
32.1 °
38 %
1.9kmh
3 %
Mon
32 °
Tue
30 °
Wed
30 °
Thu
26 °
Fri
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks