Umphathiswa wesebe lezempilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa undwendwele isikoloy samabanga aphakamileyo iZwelitsha kwilali yaseGxwaleni kuNtabankulu, nesibhale elona nani liphezulu lolutsha olukhulelwayo kulo nyaka uphelileyo.
Kutyholwa ukuba esi sikolo besinabafundi abakhulelweyo abangamashumi amabini anesixhenxe (27) kulo nyaka uphelileyo, sithetha nje balishumi elinesithoba(19) amatyala aziwayo okukhulelwa, lo gama amanye amantombazana alishumi elinesithathu (13) engabuyelanga esikolweni, ekukholelwa ukuba nawo akhulelwe.
Uninzi lolutsha olukhulelweyo luphakathi kweminyaka elishumi elinesitthathu (13) ukuya kwelishumi elinesithandathu (16) ubudala. Igqiza elikhokelwa nguMphathiswa uCapa liza kubonelela ngovavanyo lwesifo sephepha, uvavanyo lwentsholongwane kagawulayo kunye nezinye izifo ezosulela ngokwabelana ngesondo, kunye nokufundisa ngocwangciso-ntsapho kunye nothintelo lwezifo ezosulela ngokwabelana ngesondo.
UCapa uthe kwabeendaba “Ewe, sixhalabile kakhulu njengesebe kwaye ndiza kuthethathethana namahlakani ethu sibone ukuba asinako na indawo yolutsha kuba, kumaziko ethu esikwaziyo ukufumana imali, siyaseka. iindawo ezibizwa ngokuba ziindawo zolutsha.”
“Iindawo ezinobuhlobo kulutsha kwaye sikwafumana abongikazi abasebatsha ukuze bakwazi ukunxulumana nabo ngokukhululekileyo. Ke, sisebenzisana namaqabane ethu ukuze sikwazi ukuvula indawo yolutsha kwesi sakhiwo sikufutshane apha. ” ucacise watsho uCapa.