Isibheno esenziwe yiSouth African Football Association(SAFA) kunye neBafana Bafana sokuba kuphindwe umdlalo walamaqela mabini iGhana neBafana sichithiwe yiKomiti yoLuleko yeFIFA ngenjikalanga yanamhlanje.
Ezindaba nezingalindelwanga kwaphela yiSAFA nanjengoko ibizimisele kangangoko inako ukuqhankqalaza ilwela iziphumo ezingcono kunezo ziphume namhlanje. Ukanti ezindaba zithetha ukuba iGhana iza kudlulela kwinqanaba lokugqibela lemidlalo yokhuphiswano lweNdebe yeHlabathi yeFIFA ka2022. iGhana yoyisa iBafana-Bafana(1-0) kumdlalo wokugqibela wokuzibekela indawo kulendebe ka2022, kumdlalo othandabuzekayo ngenxa yezigqibo nazo ebezingaqondakali zikasompempe waseSenegal uMaguatte Ndiaye.
Esi sibhengezo sitsha seFIFA siluphazamise kakhulu uluntu loMzantsi Afrika ingakumbi abo bangabalandeli nabathandi bebhola ekhatywayo. Amagosa eSAFA, ekhokelwa yiCEO uTebogo Motlanthe kunye noMongameli uDanny Jordaan baye bafaka uqhankqalazo olukhawulezileyo nolubhengeza ukuba ukulawulwa kwalomdlalo walamaqela kwabanomshikashika.
ISAFA icele usompempe uNdiaye ukuba avalelwe ngaphandle ubomi bakhe bonke kwezemidlalo kwaye iBafana inikwe amanqaku amathathu/okanye umdlalo uphindwe udlalwe.
iFIFA DC khange ibone ngasenye neSAFA kwisibheno soMzantsi Afrika kwaye isigqibo sivumelana neBlack Stars kwaye uMzantsi Afrika unelungelo lokubhena ngesisigwebo.

